Bathe bhazalala abaphathi bamaqela ngelikhangela abadlali abatsha. Phakathi kwaloo maqela afuna abadlali abatsha yiKaizer Chiefs ekunzima kakhulu kuyo nakubeni ibithembisa ekuqaleni kwesizini eqhubekayo ekuthambekeni konyaka ophelileyo.
Oku kudizwe nguNasreddine Nabi emva kokuba Amakhosi eguqiswe phantsi yiCape Town City ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eKapa. Le nyanga inika onke amaqela adlala kwiPremier Soccer League ithuba lokuthenga nokuthengisa abadlali.
Kule sizini, iChiefs seyibethwe emidlalweni emine yonke. Ingxaki yayo enkulu kukufakwa kwamagowuli kuyo iphinde ingakwazi ukuwafaka yona. Zezo zinto ezibangela iChiefs ingakwazi ukudlala kakuhle njengePirates neSundowns ezihleli phezulu kwiBetway Premiership ngoku.
Emva komdlalo ogqithileyo, uNabi uvumile ukuba Amakhosi akhangela abadlali abanokuwanceda. “Enyanisweni, iqela ngalinye likhangela indlela elingaziphucula ngayo njengokuba kuvulwe inyoba yokuthengwa kwabadlali abatsha,” utshilo uNabi emva komdlalo ngempelaveki egqithileyo.
“Kunzima – kodwa iqela liyazama ukukhangela abadlali abohlukeneyo. Akululanga ukufumana abadlali xa isizini iphakathi – kodwa wonke umntu uyazama. Ngaphandle kwamathandabuzo, iqela lifuna ukuqiniswa – kodwa asifuni ukubulala abadlali esinabo ngoku ngokuthetha kakubi ngabo bade bazive ngathi ababalulekanga,” utshilo uNabi.
Amakhosi ayakwazi ukudala amathuba emidlalweni, ingxaki iqatsela xa kufuneka kufakwe ibhola emnatheni. Ayikho ifolosi athembele ngayo ngoba noRanga ubuthuntu. UWandile Duba noMduduzi Shabalala abakwazi ukufaka amagowuli ngendlela ekufuneka ngayo. Bobabini bebenawo amathuba eKapa – kodwa akukho namnye kubo okwazileyo ukufumana igowuli.
Ethetha emva komdlalo ogqithileyo, uNabi uthe bekungafanelanga ukuba iChiefs ityiwe ngoba ibinawo amathuba. Uthe iChiefs ikhangela abadlali abaza kuqinisa indlela edlala ngayo. Amakhosi aza kudibana neStellenbosch FC emdlalweni weBetway Premiership oza kube ungorhatya ngoLwesithathu (ngomso) eFNB Stadium.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!