UNasreddine Nabi uthi ayikafiki kwindawo ayifunayo iKaizer Chiefs!

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uNasreddine Nabe, uzamkele ngovuyo iziphumo zeqela lakhe – kodwa wathi usemninzi umsebenzi ofuna okwenziwa kulo. Oku ukuthethe emva kokuba iChiefs ibethe iMarumo Gallants ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obutshisa bhe eToyota Stadium, eBloemfontein, emalanga ngoMgqibelo ogqithileyo. Ibhakuzelise umnatha kuqala iMarumo Gallants – kodwa amagowuli afakwe nguMduduzi Shabalala noMfundo Vilakazi anike iChiefs impumelelo ebiyidinga.

Impumelelo yamkelwe ngovuyo olukhulu ngabalandeli beChiefs abancome ukudlala bhetele okubonakaliswe ngabadlali. Emva komdlalo, uNabi ucele abalandeli bamnike ithuba ukuze akhe iChiefs ayifunayo. “Ndicinga ukuba eyona nto ebalulekileyo kukuba sifumene amanqaku amathathu. Indlela abadlali abatsha abadlale ngaye indikholisile kakhulu. Kodwa nangona kunjalo, mninzi umsebenzi osafuna ukwenziwa liqela. Kufuneka ndiyipheke iChiefs,” utshilo uNabi emva komdlalo.

Emva kweziphumo ezihle emdlalweni wokuqala, umqeqeshi ukhawuleze wabakhumbuza abalandeli ukuba iChiefs ayikafiki emgangathweni awufunayo. “Ndicela abalandeli bandinike ithuba, ndifuna ukuniphekela iqela elisemgangathweni ophezulu. Zininzi izinto ezingandonwabisanga emdlalweni wethu namhlanje. Ndiyakuvuyela ukuphumelela kwethu ngoba ijongwe kakhulu indlela esidlala ngayo ngamajelo eendaba – kodwa andonelanga ncam yindlela esidlale ngayo,” utshilo uNabi.

Nakubeni umqeqeshi engonelanga ngokutsho kwakhe – kodwa ngaphakathi kuthe qabu emva kokuphumelela umdlalo wokuqala ebaleni eligcweleyo eBloemfontein. Kulapho iChiefs yahlazwa khona yiYoung Africans SC emdlalweni weToyota Cup ekupheleni kwenyanga yeKhala esafika uNabi. Amakhosi aza kuya emdlalweni olandelayo ukuzithemba kwabadlali kuphezulu. Aza kudibana naMaZulu emdlalweni olandelayo eMoses Mabhida Stadium ekulindeleke igcwale ime ngeembambo nayo.