UNasreddine Nabi uthi uyayazi into efunwa ngabalandeli beKaizer Chiefs!

UNasreddine Nabe ngumqeqeshi weKaizer Chiefs. Umfanekiso: KC

Ukuphela kweminyaka elishumi kungekho ndebe kwenza kube nzima kakhulu ukuqeqesha iKaizer Chiefs ngenxa yabalandeli bayo abangonwabanga. Njengokuba kuqala isizini entsha kwakhona, uNasreddine Nabi uqala umsebenzi wakhe ephantsi koxinizelelo. Umsebenzi wakhe wokuqala kukwakha iqela elomeleleyo nelinokuphumelela iindebe emva kokuba iChiefs ivale isizini ephelileyo ikwindawo yeshumi. Ethetha kutshanje, uNabi uthe uyakwazi okulindelwe ngabalandeli – kodwa kufuneka babe nomonde ngoba ukwakha iChiefs kwakhona kuza kuthatha ixesha.

“Andinayo imilingo yokuthatha iChiefs ndiyibeke kwindawo eyayikuyo ngaphambili. Ndiyayazi into efunwa ngabalandeli – kodwa kufuneka ndibaxelele inyaniso ngoba ndiyabahlonipha. Ndifuna ukubona intshisakalo ebadlalini. Andingeke ndithenge ubuso babo ngokuthi ndiza kuphumelela le naleya. Ngoba ndiyalihlonipha iqela, ndiyathembisa ukuba siza kusebenza ngokuzimisela. Into efuna ukwenziwa ndiyayazi futhi ndinawo amava. Andiloyiki ukhuphiswano,” utshilo uNabi obongoza abalandeli ukuba banganyusi kakhulu amathemba wabo njengokuba kuqala isizini.

Amakhosi abila esoma enkampini ukuze ayiqale kakuhle iBetway Premiership. Ekupheleni kwenyanga yeKhala, akhe ahlazwa yiYoung Africans SC ngo’4-0 emdlalweni wekucweya eToyota Stadium, eBloemfontein. Abantu abaninzi badana ngoba iChiefs yayibuya eTurkiya – apho ibikhe yazilolonga khona. IYanga yabhenca umsebenzi omkhulu wokudibanisa iqela ekwakumele wenziwe ngumqeqeshi phambi kokuqala kwesizini. Ukuqala kwemidlalo yeBetway kwinyanga yoMsintsi endaweni yeyeThupha kuncede amaqela afana neChiefs enomqeqeshi osesihlalweni esishushu.

Ngo’17:30 ngoMgqibelo, Amakhosi aza kuvula isizini neMarumo Gallants emdlalweni oza kube useBloemfontein Stadium. Abantu abaninzi baza kuya kuwo benethemba lokubona iChiefs eyahlukileyo futhi eza kubanika ithemba. Kulindeleke abadlali abatsha abaquka uNjabulo Blom, Inacio Miguel noBradley Cross bayiqinise iChiefs eza kulwela ukubuyisa isidima sayo kwakhona ebholeni ekhatywayo. “Kufuneka sakhe iqela ukuze sifumane iziphumo ezihle. Emva koko iindebe ziza kulandela,” utshilo uNabi.