UNathanael akamkrokreli uFuzile omenzele inkawu ngenja eMonti

Imbethimanqindi yaseMonti, uAzinga Fuzile, izibonakalisile ukuba iyinkunzi phakathi kweenkunzi emdlalweni wamanqindi ngokuphumelela umlo ngendlela encumisayo. UFuzile, 28, ubethe uSebastianus Nathanael waxhoma kumjikelo wesithandathu emlweni we-International Junior lightweight obubanjelwe e’Orient Theathre, eMonti, ngeCawe egqithileyo.

Nakubeni kungekho umntu oyithandabuzayo italente kaFuzile – kodwa kukhe kwakho ukuxhalaba kubalandeli emva kokugqwidiza kancinci eminyakeni edlulileyo. Into encomekayo kuFuzile uye emlweni ogqithileyo efuna impumelelo ukuze abuyise isidima sakhe abonise ihlabathi ukuba uyimbethimanqindi esenekamva eliqaqambileyo emdlalweni wamanqindi.

UNathanael waseNamibia yimbethimanqindi enamandla, ekhaliphileyo futhi ekwaziyo ukusebenzisa amanqindi – kodwa khange anikwe thuba nguFuzile omenzele inkawu ngenja. Akabuyelanga eqongeni uNathanael kumjikelo wesithandathu efanele. Uxheshwe nguFuzile ngamanqindi abuhlungu ukusukela ekuqaleni komlo.

Nakubeni bekulindelekile ukuphumelela kwakhe xa esilwela phambi kwabalandeli bakhe – kodwa indlela asebenze ngayo iyamangalisa. Kuyo yonke imijikelo, uFuzule ebenamandla futhi ephokele. Kuye kwanyanzeleka ukuba imbethimanqindi yasebumelwaneni izikhusele kwindoda ebonakele kwasekuqaleni ukuba isebenzela ukusonga umlo ungafikanga kwixesha ebelimiselwe eliyimijikelo elishumi. Emva kokubhengezwa kweziphumo, uFuzile ubonakalise uvuyo olukhulu kakhulu.

Ngoku phantsi kwegama lakhe, uFuzile ulwe imilo engamashumi amabini. Ubethwe kabini waze waphumelela ishumi elinesibhozo. Kuloo milo, amadoda amaninzi akayigqibanga imijikelo yemilo. Kwelinye icala, ebedibene noSebastianus waseNamibia onembali entle naye emanqindi. Emilweni engamashumi amabini anesibini, ubethwe izihlandlo ezihlanu – eminye uyiphumelele kakuhle. Ngelishwa lakhe, uze eMzantsi Afrika ngexesha elibi uFuzile enomsindo wagoduka esophisa.