Unathi: Ndifuna ukubonisa ulutsha lakuSabalele

Umdyarho weembaleki omkhulu notsala iimbaleki zehlabathi, iComrades Marathon, uyaqhuba ngomhla wamashumi amabini anesithoba kule nyanga, kodwa lo uzakubanomahluko.

Inzalelwane yelali yakuSabalele, cebu kuhle kuCofimvaba, * -Unathi Ntutela, ithi ifuna ukubhala igama layo kwimbali ngokuthi abaleke kwiComrades yalo nyaka.

Le ntokazi yakwaNtutela enamashumi amathathu anesithandathu ithi izilungiselele ngokupheleleyo, kodwa unalo uvalo njengomntu wonke oqalayo. “Ndizimisele kakhulu ngalo mdyarho. Ndifuna ukufika apho uphela khona. Injongo yam kukubangumntu wokuqala kuSabalele othathe inxaxheba kulo mdyarho. Eyona nto ibalulekileyo kum kukubonisa abantu belali yam ukuba le nto ayiyonto yabantu abathile,” utsho uNtutela.

Umgama ongamashumi asithoba eekhilomitha [90 km] ozakubalekwa ziimbaleki kwiComrades mde kakhulu futhi awululanga. Kufuneka umntu ngamnye azilungiselele. Iyayiqonda lo nto le mbaleki futhi ithi iyakuthanda ukubaleka ngoba kufundisa abantu umonde nokunyamezela.

Emva kokubaleka kwiChris Hani Freedom Marathon, uNtotela wathathwa nguThabo Pooe, umqeqeshi weCSIR Athletic Club yasePitoli owayeze kumdyarho owawukuSabalele. Xa ebalisa uthi nguPooe lo wathi kuye uyakwazi ukubaleka futhi ukuya kwiComrades kumfanele. Ukusukela ngaloo mini zange aphinde abuy’umva.