UNcobo ubuyela kwiPSL emva kweshumi elinane leminyaka!

Ubuyele kwiPremier Soccer League (PSL) kwakhona uAndile “Ace” Ncobo emva kweshumi elinesine lonke leminyaka wayinikela umva. Oku kwenzeke emva kokuba iPSL ibhengeze ukuchongwa kwakhe njengoMlawuli oyiNtloko wayo. UNcobo, owayesakuba ngomnye woosompempe abathe qabavu ebholeni yaseMzantsi Afrika nakwizwekazi leAfrika, ebengumsebenzi kwaSuperSport TV apho ebehlalutya khona umsebenzi owenziwe ngoosompempe rhoqo ekuqaleni kweveki. Le ndedeba yaseNqadu, kuGatyane ibuyela kwisikhundla eyakhe yahlala kuso ukusukela ngonyaka ka2008 ukuya ku2009.

Wabeka phantsi uNcobo emva kokuthimliswa liphunga lezityholo ezavela kuphando olwalubandakanya iqela eliphambili kwiPSL. “Andikwazi ukungasabeli xa ndibizwa,” utshilo uNcobo kubalandeli bakhe kuFacebook emva kwesibhengezo sePSL. Ungena kwisikhundla esingazange kwangena mntu kuso ukusuka ngala nyaka wahamba ngawo. “Ibhola ekhatywayo yinto endiyiphile ukusukela ebuncinaneni bam. Yinto engaphaya kwamashumi amahlanu ndisebholeni ekhatywayo ngeendlela ezahlukeneyo. Ndiziva ndiwongekile yintembeko eboniswe kum yiPSL. Umsebenzi sowuqalile,” utshilo uNcobo.

Kunokwenzeka ukuba abaphathi bePSL bazama ukunqanda umonakalo ongenzeka emva kokuhamba kwabaphathi abathile kwiinyanga ezidlulileyo. Kwisibhilivana esikhutshwe yiPSL, akukho zinkcukacha zikhutshiweyo ngomsebenzi aza kuwenza ngaphandle kokuthi: “iPSL yazisa ukuchongwa kukaAndile “Ace” Ncobo njengomlawuli omtsha.” Ingathi uza kuqhubela phambili uNcobo njengomhlalutyi kwaSuperSport TV. Ngoku isikhundla esingekavalwa seseNgqonyela kwiPSL. Kwabamba kuso uMato Madlala ukusukela oko kwahamba uBrand de Villiers. Abantu abafana noTim Sukazi weTS Galaxy abakholwa kukukhokelwa nguMadlala ongumnikazi weLamontville Golden Arrows ekhuphisana namanye amaqela kwiPSL.