Uphinde wazibonakalisa uXolisani “Nomeva” Ndongeni ukuba uyenye yeembethimanqindi ezisemgathweni ophezulu eMzantsi Afrika nakwihlabathi lonke. Le ndedeba yakwaBhaca, kodwa ezinze kwiphondo laseGauteng ngokuhlala, iziqaqambise ngethuba ibetha uApinun Khongsong waseThailand walala phantsi engondlalelwanga emlweni we-International Junior Weltereight obuseThekwini kwiveki ephelileyo. Noxa uKhongsong egoduke esophisa – kodwa naye uNomeva uphumelele evile. Akothusanga ukuphumelela kwakhe uNomeva ngoba umlo ufike ewulungele. Indlela azilungiselele ngayo nomsebenzi awenzileyo eqongeni kubonise umntu ozimiseleyo.
Uyixhaphaze isisu imbethimanqindi yaseThailand yanikezela kumjikelo wesixhenxe watsho wadibanisa amashumi amathathu ananye emilo ayiphumeleleyo uNdongeni njengembethimanqindi ekudidi labahlawulwayo. Impumelelo kaNomeva iza emva kokuba ebethe uReymond Yanong emlweni obuseSandton, eGoli, kwiinyanga ezigqithileyo. Kwikhasi lakhe lonxibelelwano, uNomeva (32) uyibulele inkxaso ayinikwe ngabalandeli nabaqeqeshi bakhe – kodwa wavuma ukuba bekunzima ukulwa noKhongsong. “Bekunzima ukulwa noKhongsong. Ndiyamhlonipha ngoba ebezokulwa apha,” utshilo uNdongeni kuFacebook emva komlo obubekelwe imijikelo elishumi.
“Sisebenze ngokukhulu ukuzimisela phambi kwalo mdlalo. Bendinako ukudinwa – kodwa ndanyamezela. Ukuwisa uKhongsong yinto ebikwisicwangciso sethu ejimini. Size emlweni simazi kakuhle ukuba uyimbethimanqindi elushica kakhulu. Namhlanje ndizibonile nam ukuba ndiyalwa xa imeko isithi mandilwe. Bendifuna ukubhinqa ibhanti esinqeni sam,” utshilo uNdongeni emva komlo obuququzelelwe yiESPN Africa. Komnye umlo obalulekileyo, uLudumo Lamati ubethe uMark Anthony Geraldo emlweni we-International Featherweight. ULamati umbethe wanaba phantsi uGeraldo wasePhilippine kumjikelo wesine kwitumente ebikwaKwaZulu-Natal. Akukho nto enokubaliswa ngokwenzeke kwimijikelo yokuqala ngoba zombini iimbethimanqindi bezifundana – kodwa uLamati uye waswabuluka kumjikelo wesithathu nowesine.
Imvumi yaseNgqeleni ibuye neembasa ezimbini kwiiMAMAs!