UNdondose neqela lakhe bagxeleshe iSuper 12

Iintshatsheli zePremier League kummandla weBorder, iDucats Young Leopards

Kukho iintshatsheli ezintsha kwiBorder. Iqela lombhoxo ekuthiwa yiDucats Young Leopards lithwaliswe isithsaba kwiveki ephelileyo emva kokubetha iOld Collegians ngo’41-10 emdlalweni obubanjelwe eKomani.

Umqeqeshi weLeopards, uAndile Ndondose, uthi ukuzimisela kwabadlali bakhe kuko okuncedileyo.

“Ukuba usakhumbula kwisizini ephelileyo, sabethwa yiNcerha Leopards kuphela. Sisebenze kakhulu kule sizini. Siye saqinisekisa ukuba ayenzeki loo mpazamo,” utshilo uNdondose.

Uthe enye yezinto encede iqela kukuncedisana nabadlali abangaphangeliyo.

“Enye into esisebenzeleyo kukusebenzisa abadlali bangaphandle. Besithatha ulutsha olunezakhono embhoxweni, silufunele imisebenzi ukuze badlalele iqela lethu. Kaloku umdlalo wombhoxo awutyiwa. Kufuneka balale betyile abantu. Isisebenzele ke siliqela lo nto,” uNdondose utshilo.

Le ndedeba ithi into efunwa liqela layo kukudlala kwiSuper 12 ngonyaka ka2021.

“Siza kuqala ukusebenza kwangoku ukulungiselela iPresident Cup eqala kweyoMsintsi nesizini yethu yokuqala yeSuper League. Asifuni ukongeza amaqela xa sifika kwiSuper League. Sifuna ukuyigqiba sisendaweni entle eza kubangela ukuba sibe lelinye lamaqela aza kudlala kwiSuper 12 ngonyaka ka2021,” utshilo uNdondose.

Iqela eligqibe isizini likwindawo yokuqala kwiPremier League linyukela kwiSuper League, ze elisezantsi kwilog yeSuper League lihlele kwiPremier League. Yona iOcean Sweepers yaseNxarhuni iza kudlala kwiPremier League kwisizini elandelayo emva kokuvala isizini isemsileni weSuper League.

IPresident Cup idlalwa rhoqo kweyoMsintsi ngamaqela asibhozo. Amane asuka kwiSuper League ukanti namane adlala kwiPremier Division.

Ngelixa itumente yeSuper 12 idlalwa ngamaqela amathandathu aphezulu kwiSuper League kummandla weBorder apha eMpuma Koloni.