UNdoro ngumavula kuvaliwe weBucs

Kuthe xibilili izibilini kumqeqeshi we-Orlando Pirates, * -Eric Tinkler, emva kokuba iqela lakhe lizibekele indawo kimidlalo ephambi kwamagqibela kanqoyi yeNedbank Cup.

Amabhaka-bhaka alishumi ebaleni abethe iMamelodi Sundowns ebinazo zonke iziqwayi zayo ngo’2-0 othuleyo kumdlalo obuseLucas Moripe Stadium ngokuhlwa ngoMgqibelo odlulileyo. Abalandeli abe- bezalise ibala bagoduke bexolile emva kokuba la maqela edlale umdlalo ophucuke kakhulu.

Umdlali wasemva weBucs, * -Edwini Gyimah, unikwe ikhadi elibomvu xa kanye umdlalo usiya kuvutho-ndaba, lo nto inyanzele umqeqeshi enze uhlengahlengiso. Akukho nto iiBrazillians zingayizamanga, kodwa iPirates nonozinti wayo uBrighton Mhlongo baqinisekile ukuba iCBD (Castro, Billiat noDolly) ayicholi naphantsi.

Ifolosi yeBucs evutha amadangatya, uTendai Ndoro, nguye oxhele iintliziyo zabalandeli beDowns ngebhola ayifake kwixesha elongezelweyo. Khange kubekudala wancedisa uMpho Makola kwigowuli lesibini. Ngoku iqela likaTinkler lijonge ukuma kakuhle kule sizini ngokuphumelela le ndebe yeNedebank.

UTinkler uhambe exole kakhulu. “Siqubisene nabo kakuhle kakhulu. Besisazi ukuba umdlalo uyakwixesha elongezelelweyo, singalifumana ithuba lokuphumelela ngoba iSundowns ibidlala phakathi evekini,” utshilo uTinkler.