Nakubeni engonelisekanga ncam umqeqeshi we-Orlando Pirates uMuhsin Ertugral ngumdlalo weqela lakhe ngoLwesibini – kodwa akawuvali umlomo yindlela ifolosi yakhe, uTendai Ndoro, ewafaka ngayo amagowuli. UNdoro uncede Amabhaka-bhaka ngethuba ebetha i-Ajax Cape Town ngo’2-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League eCape Town Stadium kubusuku bangoLwesibini.
Lo mdlali welizwe laseZimbabwe ufake amagowuli amabini kulo mdlalo, ngoku unamagowuli amahlanu kwimidlalo emibini yePSL. Iyodwa nje lo nto imenza uNdoro abenethuba elihle lokuba ngoyena mdlali oyakuthi afake amagowuli amaninzi xa kuphela isizini. Umdlalo ubumhle kakhulu futhi omabini la maqela ebezimisele. Iqela laseKapa, i-Ajax, lizamile ukuhlasela macala onke ekuzeni kuphela komdlalo – kodwa lafika uBrighton Mhlongo ethe qwa ezipalini. Igowuli layo lokubika lifakwe nguNathan Paulse ngentloko. Ngoku iPirates inamanqaku amathandathu emva kwemidlalo emibini yePSL. Iyamonwabisa lo nto * -Ertugral ekujongwe kuye kakhulu ngabalandeli bePirates emva kwesizini ka’2015/16 engahamba kakuhle.
U-Ertugral yindoda engoneliseki ngokukhawuleza – kodwa uyavuma ukuba uNdoro ngumdlali oqaqambileyo kakhulu. “UTendai ngumpondo zihlanjiwe womdlali. Abadlali abakhethekileyo njengaye bafuna ukuphathwa ngobunono. Uyingxaki phambi kweepali. Ingxaki ubuye eZimbabwe ngoLwesine odlulileyo wabe ediniwe kakhulu. Ungumdlali oyaziyo into amakayenze ebaleni kwiimeko ezahlukeneyo.
“Iintshukumo zakhe ebaleni zihambelana nendlela esiziqeqesha ngayo. Uthi xa efumana ibhola abe esendaweni entle. Ndiyavuya ukuba nomdlali onje ngaye,” utsho * -Ertugral. Komnye umdlalo iPolokwane City idlale ntanganye ngeqanda neBidvest Wits. Yona iHighlands Park ibethe iBaroka FC ngo’2-1.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV