UNdumiso Mabena ukhethe ukuhlala kwiCeltic nangona ebefunwa ngamanye amaqela

Taaritq Fielies of Cape Town City challenges Ndumiso Mabena of Bloemfontein Celtic during the Absa Premiership 2018/19 game between Bloemfontein Celtic and Cape Town City FC at Peter Dr Molemela Stadium in Bloemfontein the on 14 April 2019 © BackpagePix

Bekukho amahumhum
athi uNdumiso Mabena weBloemfontein Celtic ufunwa ngapha nangapha ngamaqela
adlala kwi-Absa Premier Soccer League. Kodwa nangona bekunjalo, kuye kwacaca
okokuba akubangakho qela elizigqatsayo ngoba ukhethe ukutyikitya isivumelelwano
sengqesho esitsha kwiCeltic. Iingxelo zithi uMabena wandise isivumelwano
esiphakathi kwakhe neCeltic ngeminyaka emithathu yonke. Amaqela ekuthiwa
ebemgacele aquka iCape
Town City

neMaritzburg United esinde ezembeni kwisizini egqithileyo.

“Nangona
bekukho iingxelo ezayamanisa uNdumiso Mabena namanye amaqela kwiPSL, yena
ukhethe ukuvuselela isivumelwano sakhe sengqesho ngeminyaka emithathu yonke. Lo
nto ithetha ukuthi uza kuhlala kwiCeltic kude kufike isizini ka-2021/22,”
itshilo ingxelo ekhutshwe yiCeltic izolo kuTwitter. Abadlali beCeltic
abaphambili abafana noKabelo Dlamini, uTshegofatso Mabaso noBongani Sam
bathathwe yiPirates kwinyanga ephelileyo. Ukuhamba kwabadlali kuphenjelelwe
ziingxaki zemali ezixikixe iCeltic kwisizini egqithileyo.