UNdumiso Mabena uncede iPolokwane City eyohlwaye iRoyal Am

iPolokwane City ibethe iRoyal Am emdlalweni weDStv Premiership obuse’Old Peter Mokaba Stadium namhlanje ngorhatya. Umfanekiso: Facebook

Ihleli kwindawo yesibhozo ngoku iPolokwane City emva kokubetha iRoyal Am ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe e’Old Peter Mokaba Stadium namhlanje ngorhatya. Omabini amaqela aye emdlalweni wanamhlanje ekhangela amanqaku amathathu emva kokungaphumeleli emidlalweni egqithileyo. Yona iRoyal Am yabethwa yiSekhukhune United emdlalweni ophambi kwalo wanamhlanje. IPolokwane yabambana naMaZulu ngeqanda macala. UJohn Maduka uqale umdlalo ngamadoda anamava afana noThabo Matlaba, Ayabulela Maxwele noMxolisi Macuphu.

Isiqingatha sokuqala somdlalo besinganiki mdla kangako ngoba bekucacile ukuba amaqela omabini adlalela ukungabethwa emdlalweni wanamhlanje. Kodwa iPolokwane City ifumene igowuli elifakwe nguNdumiso Mabena emzuzwini kasompempe kwisiqingatha sokuqala. UMabena wohlwaye iqela ebekhe walidlalela kwisizini egqithileyo emva kokudibana nebhola ebethe epalini isuka kuDouglas Maphumo. Njengokuba abanye abadlali bekhetha ukungavuyi xa bethe bafaka amagowuli kumaqela wabo angaphambili – yena uMabena uye walivuyela elakhe namhlanje.

Kuye kwacaca nyhani ukuba wemka ngendlela engemnandanga kwiRoyal Am awayincedayo ekuqaleni kwayo kwiDStv Premiership emva kokuthengwa kweBloemfontein Celtic nguMamkhize. Ekupheleni komdlalo uye waphela yintsini elele ngesisu phantsi. Akukho nto engako enokubaliswa ngesiqingatha sesibini ngoba akukho qela elikwazilyo ukufaka igowuli. Endaweni yoko, iPolokwane ikhusele igowuli elifumene kwangoko emdlalweni. Yimingqandandana nje yamathuba evelileyo – kodwa engaguqulanga nto.

Ukubethwa kweRoyal Am kuyamnyanzela uMaduka ukuba aphinde ayokulola abadlali bakhe phambi komdlalo weDStv Premiership olandelayo kwiveki engaphaya kwezayo. Ngomhla wesine kwinyanga yeDwarha, iPolokwane iza kuvana amandla neRichards Bay emdlalweni weDStv Premiership. Ngumdlalo obalulekileyo kwiRichards Bay engayiqalanga kakuhle isizini ngokufana nakwisizini yayo yokuqala kwiDStv Premiership. Ayizubakho imidlalo kwimpelaveki ezayo ngenxa yomdlalo wokugqibela weMTN8 ophakathi kweMamelodi Sundowns ne’Orlando Pirates ekulindeleke ukuba utake iintlantsi eMoses Mabhida Stadium.