UNdungane uncoma umdlalo omhle weBorder

Abadlali beBorder abaneminyaka engaphantsi kwishumi elinesibhozo benze ezibukwayo kwiCraven Week kwiveki ephelileyo. Eli qela liphumelele yonke imidlalo yalo.

IBorder ibethe iLimpopo, iGriffons neFree State ngokulandelelana. Isekela mqeqeshi, uPhiwe Nomlomo, uthi ukuqhelana kwabadlali kuko okuncedileyo.

“Sisebenzise abadlali abalishumi elinesithandathu abasuka eSelborne. Isincedile lo nto ngoba baqhelene,” utshilo uNomlomo.

Umqeqeshi uJames Winstanley uthi impumelelo abayizuzileyo kwiCraven Week ayibothusanga bona.

“Ndiyabona wonke umntu imothusile indlela esidlale ngayo. Asothukanga thina baqeqeshi ngoba sisebenze ngokuzimisela siza zilungiselela.”

Ubaqhwabele izandla abadlali bakhe nesekela mqeqeshi.

“Basebenzile abadlali bethu; iCraven Week yitumente enabadlali abasemgangathweni ophezulu. Ukuzimisela kwabadlali kusincedile. La magatyana alibonisile ilizwe ukuba nakwiBorder, umbhoxo usezingeni eliphezulu.”

“Sisebenzise abadlali abaninzi beSelborne apho aqeqesha khona uPhiwe. Impumelelo yeSelborne ibenalo igalelo kwindlela esiqhube ngayo. UPhiwe ngumqeqeshi okrelekrele futhi unesakhono kakhulu. Ndicinga ukuba ukulungele ukuqeqesha ilizwe ngoku. Ngomnye wabaqeqeshi abakwizinga eliphezulu embhoxweni wezikolo,” utshilo uWinstanley.

Kanti uAkhona Ndungane uyincomile indlela edlale ngayo iBorder.

“Iyancomeka indlela edlale ngayo iBorder, iyigqibe itumente ingabethwa nakomnye umdlalo. Amaqela ayabanika amathuba kakhulu abadlali abamnyama, iyancomeka lo nto,” utshilo uNdungane owayeyinxalenye yeZitsibabhokwe ezabuya nendebe yomhlaba ngo2007.

Itumente iphunyelelwe yiWestern Province ebethe iKwaZulu-Natal ngo’47-8.

Abadlali ababalaseleyo baza kuba yinxalenye yeqela lezikolo kwitumente yezikolo zehlabathi.

isibhalo@inl.co.za