Owayengumongameli weSAFA, uKirsten Nematandani, kulindeleke asikwe iminyaka emithandathu engathathi nxaxheba kwimiba yebhola ekhatywayo okanye anikwe isohlwayo semali eyiR140 000. Esi sohlwayo siqulethwe yingxelo eyenziwe kamnumzana uDjimbaraye Bourngar oyintloko yophando kwiFIFA.
UNematandani utyholwa ngokophula imigaqo yokuziphatha yamalungu walo mbutho ulawula ibhola yehlabathi.
Uphando belenziwe ncakasana ngokoyamene nemiba enxulumene nemidlalo yobuhlobo yeBafana Bafana phambi kwe-2010 FIFA World Cup.
Nangona kungekathathwa sigqibo sisigqeba seFIFA ngalo mba – kodwa uphando lubhentsise ukuthi abantu abafana noBana Tchannile noJonathan Musavengana ngabo ababeququzelela oosompempe bala midlalo yoMzantsi Afrika. Kulindeleke basikwe nabo.
ULeslie Sedibe, owayeyingqonyela yeSAFA, wasikwa iminyaka emihlanu yiFIFA nemali eyiR250 000 yokubandakanyeka kuthengiso lwemidlalo.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?