USive Mkolozele ngumlandeli ozingomba isifuba ngokuba ngumlandeli welinye lamaqela amakhulu eAfrika – iMamelodi Sundowns.
Le ndedeba yaseMdantsane ixelele I’solezwe lesiXhosa okokuba ithemba lokuba iDowns ikhusele indebe eyiphumelele kwisizini egqithileyo lisekhona.
Kwangaxeshanye, uMkolozele uphawule ngeenguqu ezenzeka kwiqela lakhe emva kokuhamba kwabadlali abaphambili.
NT: Leliphi iqela olilandelayo kwiPSL?
Sive Mkolozele: Elona qela endililandelayo yiMamelodi Sundowns kwaye abadlali bayo ndibathanda bonke kodwa ophuma phambili nguDennis Onyango.
NT: Waqala nini ukulandela iSundowns?
SM: Ndaqala ukuyilandela ngo2004. Eyona nto eyanditsalayo yindlela edlala ngayo eyohlukileyo kwamanye amaqela.
NT: Ayikabethwa iDowns kwimidlalo yePSL, ingaba uziva njani?
SM: Ndivuya kakhulu kodwa ndifuna benyuse umgangatho ngoku bangadlali ntanganye kakhulu kuba sinxanelwe impumelelo.
NT: Yintoni oyinqwenelayo kwiqela lakho kule isizini?
SM: Eyona nto endiyinqwenelayo ngoku kukuba sikhusele le ndebe yePSL; bazame nokuphumelela iNedbank Cup njengokuba izezona ndebe ezishiyekileyo kule sizini.
NT: Xa ujongile, ingaba akhona amathuba wokuyikhusela indebe yePSL?
SM: Ewe, akhona amathuba kwaye maninzi okuyikhusela indebe kuba sisahleli endaweni entle nangona sisemva ngemidlalo. Lo nto ibonakalisa ukuba amakhwenkwe kaJingles angaphinda ayikhusele.
NT: Iqela lakho liphumile kwiTelkom Knockout, inoba yintoni ebhide umqeqeshi?
SM: Njengokuba sisazi, sinabadlali abaninzi abatsha abasazama ukufunda indlela iDowns edlala ngayo. Umqeqeshi usakhangela abadlali anokuthi abasebenzise ekuvaleni izikhewu ezishiywe nguPercy Tau noKhama Billiat kuba ibi ngabona badlali ebesesixhathise ngabo phambili.
Makadedele abanye uMalema kwiEFF