Kule veki I’solezwe lesiXhosa lincokole nomlandeli weKaizer Chiefs owaqala ukuyilandela esemncinane. Le ndedeba yabelene nathi ngezinto ecinga ukuba zifuna ukulungiswa ukuze iChiefs ibuyele kwisimo sayo sesiqhelo.
Pedro Mapelo: Gqaba gqaba, ungubani?
Umlandeli: Igama lam ndinguSabelo Thetyana ndazalelwa apha kwilali yaseSundwana kwindawo yaseChizela.
PM: Khawutsho Mhlekazi, wadibana njani neChiefs?
Sabelo Thetyana: Ndadibana nayo ndisemncinci kakhulu (14 yrs). Phaya ngo-1994, kwakukho ubhuti wam ogama linguBra’Stone – wayeyithanda kakhulu iChiefs, ndayithanda nam ngolo hlobo.
PM: Yintoni eyakutsalayo apha kwiChiefs?
ST: Into eyanditsalayo yindlela ababedlala ngayo enomahluko kwamanye amaqela. Abadlali abafana noDoctor Khumalo noSiphiwe Tshabalala ngabo abenza kwabalula kum ukulandela iChiefs.
PM: Ingaba likhona isebe labalandeli okulo ngoku?
ST: Hayi okwangoku Akukho sebe ndikulo – kodwa bebekhe bandibiza abanye abalandeli beChiefs, eMonti, ngelizama ukunditsalela kwelabo.
PM: Njengokuba Amakhosi engaqhubanga kakuhle kwisizini edlulileyo, unalo na ithemba kule isizini?
ST: Ewe ndinalo ithemba. Ukuba ujongile ngoku besivala unyaka ophelileyo izinto beziqala ukuza kakuhle nabadlali abafana noJoseph Molangoane bayaqala ukuza kakuhle.
PM: Zikhona iindawo onqwenela ziqiniswe kwiqela?
ST: Indawo endibona ukuba sibetheka kuyo kuphaya phambili. Ukuba singafumana abadlali baphambili bancedisane noMolangoane, kungangcono.
PM: Yintoni ebangela abalandeli bangayi emabaleni?
ST: Ndicinga ukuba kungenxa yokubethwa kweChiefs emidlalweni.
PM: Yintoni ofuna yenziwe yiChiefs ukuze uxole kule sizini?
ST: Kufuneka sifumane abadlali abanamandla kunaba sinabo. Ithemba lona ndinalo ngoba indawo esikuyo ngoku iyathembisa.
Kuvulwe isikolo esixabisa iR106-million KwaMaxhama