Unethemba lokufumana indebe uThetyana!

Kule veki I’solezwe lesiXhosa lincokole nomlandeli weKaizer Chiefs owaqala ukuyilandela esemncinane. Le ndedeba yabelene nathi ngezinto ecinga ukuba zifuna ukulungiswa ukuze iChiefs ibuyele kwisimo sayo sesiqhelo.

Pedro Mapelo: Gqaba gqaba, ungubani?

Umlandeli: Igama lam ndinguSabelo Thetyana ndazalelwa apha kwilali yaseSundwana kwindawo yaseChizela.

PM: Khawutsho Mhlekazi, wadibana njani neChiefs?

Sabelo Thetyana: Ndadibana nayo ndisemncinci kakhulu (14 yrs). Phaya ngo-1994, kwakukho ubhuti wam ogama linguBra’Stone – wayeyithanda kakhulu iChiefs, ndayithanda nam ngolo hlobo.

PM: Yintoni eyakutsalayo apha kwiChiefs?

ST: Into eyanditsalayo yindlela ababedlala ngayo enomahluko kwamanye amaqela. Abadlali abafana noDoctor Khumalo noSiphiwe Tshabalala ngabo abenza kwabalula kum ukulandela iChiefs.

PM: Ingaba likhona isebe labalandeli okulo ngoku?

ST: Hayi okwangoku Akukho sebe ndikulo – kodwa bebekhe bandibiza abanye abalandeli beChiefs, eMonti, ngelizama ukunditsalela kwelabo.

PM: Njengokuba Amakhosi engaqhubanga kakuhle kwisizini edlulileyo, unalo na ithemba kule isizini?

ST: Ewe ndinalo ithemba. Ukuba ujongile ngoku besivala unyaka ophelileyo izinto beziqala ukuza kakuhle nabadlali abafana noJoseph Molangoane bayaqala ukuza kakuhle.

PM: Zikhona iindawo onqwenela ziqiniswe kwiqela?

ST: Indawo endibona ukuba sibetheka kuyo kuphaya phambili. Ukuba singafumana abadlali baphambili bancedisane noMolangoane, kungangcono.

PM: Yintoni ebangela abalandeli bangayi emabaleni?

ST: Ndicinga ukuba kungenxa yokubethwa kweChiefs emidlalweni.

PM: Yintoni ofuna yenziwe yiChiefs ukuze uxole kule sizini?

ST: Kufuneka sifumane abadlali abanamandla kunaba sinabo. Ithemba lona ndinalo ngoba indawo esikuyo ngoku iyathembisa.