Unethemba lokufumana

iqela elitsha uMphela

UKatlego Mphela usekwiphulo lokukhangela iqela eltsha azakulidlalela kwisizini ezayo ezakuvulwa kwinyanga ezayo, emva kokuba wakhululwa yiKaizer Chiefs kwinyanga ephelileyo ukuba azikhangelele umsebenzi.

Le folosi ineminyaka engamashumi amathathu khange iqhube kakuhle kwisizini ephelileyo xeshikweni idlalela iintshantshali ze-ABS Premier Soccer League, iKaizer Chiefs, nalapho idlale kwimidlalo emine kuphela phantsi kukaBaxter , kuyo yonke zange afake magowuli.

Kodwa eyonanto ebenegalelo olumandla ekungacacini kwekamva lakhe kwibhola ekhatywayo kukusoloko esonzakala, lo nto ibangele ukuba angawufumani kakuhle umdlalo wakhe wade wakhululwa ngaMakhosi.

Ukanti nakwiMamelodi Sundonws phantsi komqeqeshi okhoyo ngoku, uPitso Mosimane, ebesoloko ekhathazwa kukonzakala nto leyo ibibangela ukuba angafumani thuba lokudlala nangona ebewafaka amagowuli xa enikwe ithuba ngokwanelelyo.

Emva kwaloo miceli-mngeni uye wafumana ithuba lokuba aziqeqeshe ne-University of Pretoria ebutsheni bale nyanga kodwa kuthe emva kweentsuku ezimbini eli qela lasePitoli layibeka yacaca ukuba alinamdla wokumtyikitya. Khange atyhafe uMphela, uphinde wazifumanela iqela lePolokwane City, apho aqale ngomgqibelo wempela veki ephelileyo ukuziqeqesha nalo.

Kodwa iingxelo zakutsha nje zidiza ukuba le folosi iziqeqeshe kanye neli qela kodwa yamiswa ngoLwesithathu izolo ukutsho nalapho izokuva ngekamva layo kwiRise and Shine xa iphinde yabuya kwiveki ezayo.

Nangona iPolokwane City immisile lo madlali kodwa kukho amarhe athi seyimlungiselele isuvumelwano sengqesho azakusityikitya kwakunye neli qela nangona kungekacaci ukuba yiminyaka emingaphi.

Kodwa amahum-hum wona aqhuba athi uKatlego Mphela uqokelela yonke iimigodlo yakhe azoya nayo kwiphondo laseLimpompo apho azakudlala khona kwisizini ezayo.