Unethemba lokuya phambili kwiSuper Rugby uMarais

Lichasele okwethamsanqa kwiBulls ithemba lokudlulela kumjikelo olandelayo weSuper Rugby. Amathemba eli qela alele kwindlela azakuthi aqhube ngayo amaqela aphezulu.

Ingaba ithamsanqa lizakuba kwicala leBulls kule mpelaveki xa iqubisana neCheetahs kule mpelaveki siya kuyo? Lo mbuzo awukabinayo impendulo ukuza kuthi ga ngoku kodwa ngoMgqibelo kuzakuhlwa sele licaca icala. Nangona ingekacaci ukuba iBulls zizakuya na kwimidlalo yeeplayoffs. Elona qela lizakube liphantsi koxinizelelo ngamandla lelaseThekwini iiSharks, kufuneka liqale ngokubetha iSunwolves ukuqinisekisa indawo yalo kumjikelo olandelayo.

Kwimpelaveki edlulileyo iBulls ibonakalisile ukuba izakulwa kwaye inxanelwe impumelelo kumdlalo ebethe kuwo iSunwolves ngo’50-3. Isekhona nentlantsana yethemba kweli qela lasePitoli yokuba lingakwazi ukuya kwimidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi.

Amanqaku amahlanu afunyenwe yiBulls athetha ukuba ngoku eli qela lishiywa ngamanqaku amabini ngabafana bakaGary Gold.

“Ngethamsanqa siwafumene amanqaku amahlanu kula mdlalo. Ndithethile nabadlali ekuqaleni kwale veki ukuba kufuneka siphumelele kuqala, emva koko sikhangele inqaku le- bhonasi sikwazile ukuzifumana zombini ezo nto,” utshilo uNollis Marais.

“Indlela ebesihlasela ngayo intle, ingakumbi kwisiqingatha sokuqala. Kwisiqingatha sesibiniasiqhubanga kakuhle, siyinike ithuba lokudlala iSunwolves. Besikhusela endaweni yokubheka phambili. oku sizakulungisa kolandelayo.”