Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uJose Riveiro, uqinisekile ukuba iqela lakhe liza kuziombulula iingxaki zalo ezibangela lingakwazi ukuphumelela imidlalo ngendlela ekulindeleke ngayo. Oku ukuthethe emva kokuba iPirates ibambene ngeqanda neRichards Bay emdlalweni weDStv Premiership ogqithileyo. Ukuba iqela likaRiveiro belikwazi ukubetha amaqela elidlala nawo ngelikwindawo yokuqala ngaphandle kwamathandabuzo. Eyona ngxeki ecacileyo kukungakwazi ukufaka amagowuli. Ukufika kukaKermit Erasmus kunike ithemba abantu abaninzi ngoba uyifolosi ekwaziyo ukufaka amagowuli – kodwa ingxaki ekhoyo ngoku kukuba naye wonzakele.
Nakubeni kukho ukugqwidiza kwabadlali okubonakalayo – kodwa umqeqeshi unethemba lokuguquka kwezinto. “Ndingumntu ohlala enethemba. Amagowuli ayeza, ndiqinisekile xa sikwazi ukudlala ngendlela esidlale ngayo namhlanje,” utshilo uRiveiro emva komdlalo obuphakathi kwePirates neRichards Bay. IPirates ibonwa ngabantu abaninzi njengelona qela elingakwazi ukubhukuqa iMamelodi Sundowns egquba yodwa ebholeni yaseMzantsi Afrika. “Ukululanga ukuphumelela kwiDStv Premiership. Sisekwisiqendu sokuqala sesizini futhi le nyanga iza kunzimela onke amaqela. Ingxaki yethu kukungakwazi ukujika amathuba ibe ngamagowuli.
“Le yeyona nto ebangela singakwazi ukufumana iziphumo ezihle ngamaxesha onke. Siliqela elidlala kakuhle kakhulu futhi siya phambili ngendlela endiyithandayo. Lo nto indinika ithemba kakhulu,” utshilo uRiveiro. Ezimnyama ziza kuzama ukukrwitsha AmaZulu emdlalweni weDStv Premiership oza kube use-Orlando Stadium ngorhatya ngoLwesihlanu. AmaZulu anethemba lokuhle nawo kwelawo icala emva kokuqesha uRomain Folz endaweni kaBrandon Truter okhonjwe emnyango ngabaphathi bakhe emva kokubethwa yiRichards Bay emdlalweni ogqithileyo. UFolz, obeke waqeqesha iMarumo Gallants, uza kulwela ukubuyisa isidina soSuthu emdlalweni onzima kakhulu eSowetho.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’