Unethemba umqeqeshi emva komdlalo wayizolo

Umqeqeshi we-Orlando Pirates uthi iqela lakhe linekamva eliqaqambileyo. UKjell Jonevret ukuthethe oku emva komdlalo wayizolo eFNB Stadium – apho iPirates ibethwe ngo’1-0 yiKaizer Chiefs kwiCarling Black Label Cup. Ibala beligcwele lithe ntli ngabalandeli ababalelwa kumashumi asithoba amawaka – kodwa iindaba ezithe zambi kukubhubha kwabalandeli ababini. Iingxelo zithi esi sibini siphulukene nobom emva kokutyhalana kwabalandeli okubangelwe ligowuli leChiefs.

Amakhosi ayiphumelele isihlandlo sesithathu le ndebe yeCarling kwiziqendu zayo ezisixhenxe. Igowuli lempumelelo lifakwe nguBernard Parker obebotshwe noGustavo Paez – oyingozi kakhulu emidlalweni kule mihla. Isiqingatha sokuqala silawulwe yiChiefs futhi ikwayiyo edale uthotho lwamathuba – kodwa nangona bekunjalo iPirates ikwazile ukunqama amanzi engena endlini. UJonevret ukubonile ukusilela kweqela lakhe – kodwa ukubuyela kweqela lakhe kakuhle emdlalweni kwisigaba sesibini yenye yezinto ezimnike ithemba phambi kwesizini ezayo.

“Sidlalise iqela elahlukileyo ekuqaleni ngoba abadlali bebedlaliswa kwiindawo ebangaziqhelanga – kodwa sithe sakwenza iinguqu saqala sawubona umahluko. Sidale amathuba ambalwa, ukuba besinalo ithamsanqa – bekufanele silifumene igowuli,” utshilo uJonevret.

“Besinengxaki phaya emva kwisiqingatha sokuqala – kodwa emva kokuba ifake igowuli iChiefs; iye yafuna ukulinda thina siye kuyo. Asikwazanga ukuyenza lo nto ngenxa yeebhola esidlale ngazo. Emva kwezinto endizibone emva kwisigaba sesibini, ndiqinisekile ukuba iqela eliqale umdlalo sobe ligale umdlalo wokuqala wesizini ezayo. Abadlali bethu abatsha badlale kakuhle kakhulu, ndinethemba lekamva eliqaqambileyo,” utshilo umqeqeshi.

UThamsanqa Sangweni ngomnye wabadlali abatsha kwiPirates abathe banikwa ithuba kumdlalo wayizolo weCarling Black Label.