UNeymar Jr ufuna ukunceda iSelecoa, qha!

UNeymar weBrazil kwiFIFA World Cup 2018 kumdlalo obuphakathi kweBrazil neMexico eSamara, eRussia UMFANEKISO: EPA/DIEGO AZUBEL

Nakubeni zininzi izinto ezithethwayo ngabantu – kodwa uNeymar Jr akazimiselanga kuzihoya kuba esithi ziinzame zabantu abafuna ukusengela phantsi umsebenzi awenzileyo.

Lo mdlali uye wasematheni ngenxa yesenzo sakhe abathi abantu sibaxiwe emva kokunyathelwa nguMiguel Layun, kumdlalo iBrazil ebethe kuwo iMexico ngo’2-0 eSamara Stadium ekuqaleni kwale veki.

UNeymar ufake igowuli lokuqala emva kokufumana ibhola kuWillian, waphinda wanegalelo kwigowuli elifakwe nguRoberto Firmino.

Njengokuba amazwe amakhulu anabadlali abadumileyo afana neGermany, iPortugal, iSpain, iArgentina neMexico ekhutshiwe kwiNdebe yeHlabathi – ngoku amehlo onke athe ntsho kuNeymar.

Zizinto ezinkulu ezilindelwe ngabalandeli bebhola eBrazil nakwihlabathi lonke jikelele ngoba eYurophu – apho adlala khona, uNeymar usoloko esogqunywa zingangalala ezinjengoCristiano Ronaldo (Real Madrid) noLionel Messi (Barcelona).

Ukuhamba kwabo (Ronaldo noMessi) kunika uNeymar (26) ithuba lokubonisa ihlabathi ukuba yinkunzi naye ebholeni ngokuthi ancede iBrazil iphumelele iNdebe yeHlabathi ityeli lesixhenxe.

Ingenzeka lo nto ngoba iBrazil ineziqwayi zabadlali ezinamandla nabo bonke ubukrelekrele obudingekayo ebholeni.

Ukuze lo nto yenzeke, kufuneka uNeymar Jnr avale umlomo abagxeki bakhe ngokwenza umsebenzi ebaleni.

“Ukugxekwa kwam ziinzame zokundijongela phantsi. Andikukhathalelanga ukugxekwa, nditsho nangamajelo eendaba,” utshilo uNeymar.

Njengokuba AmaJamani engakwazanga ukukhusela indebe ayiphumelela ngo2014, yiBrazil enethuba lokuyiphumelela – kodwa kusekho amazwe akelemileyo aquka iFrance neCroatia.

Oyena mdlalo obalulekileyo ekufuneka uNeymar aziqaqambise nyhani kuwo uphakathi kweBrazil neBelgium, edlale umdlalo ophucukileyo ekuqaleni kwale veki ngethuba ibetha iJapan ngo’3-2 ilandela ngasemva.

“Ndifuna ukudlala ibhola mna qha. Ndifuna ukunceda iSelecao ukuze iphakamise indebe. Yiyo kuphela into endiyizele apha, ayikho enye into,” utshilo uNeymar phambi kokuqubisana neBelgium.