Ungalahlekelwa umbhoxo eMpuma Koloni

Kukho utshintsho oluzayo kwiSuper Rugby olunokuyichaphazela kakubi iMpuma Koloni.

Emva kwentlanganiso yeSanzaar ebebibanjelwe eLondon kwiveki ephelileyo, kugqitywe kwelokuba kucuthwe amaqela adlala kwiSuper Rugby ukusuka kwishumi elinesibhozo lamaqela ukuya kwishumi elinesithandathu.

Eli qumrhu kuthiwa yiSanzaar lenziwa nguMzantsi Afrika, iNew Zealand, i-Australia ne-Argentina. Iingxelo zithi kolu tshintsho luzayo ngo’2018, iqela elinye eMzantsi Afrika nase-Australia kufuneka ehambile.

“Kuninzi esikuxoxileyo malunga nendlela esifuna izinto zenziwe ngayo nangoku guzulwa kwamaqela ombhoxo amabini aphuma eMzantsi Afrika nase-Australia,” utshilo uHarold Verster kumajelo eendaba.

Iqela lombhoxo leMpuma Koloni, iThe Kings, elithwaxwa ziingxaki zezimali kukholeleka ukuba lingaguzulwa – kodwa iinkcukacha kulindeleke ukuba zibhentsiswe kwingxelo ezakukhutshwa yiSanzaar emva kweengxoxo zale veki.