UNgamntwini ufuna intshinga yehlabathi

Imbethi manqindi yaseDuncan Village uNtlantla “24” Ngamntwini unomqweno wokufumana intshinga yehlabathi ekuqaleni konyaka ozayo.

UNgamntwini usenemincili, emva kokungqengqisa uMzwabantu Dabaza kumjikelo wesithathu, kumlo wabo weWBA Pan African Flyweight, ngoLwesihlanu odlulileyo.

“UNgamntwini bekufanele ukuba ulwile kweyoMdumba kulo nyaka, eAustralia, kodwa loo nto iye yaphelela emehlweni,” utshilo umququzeleli kaNgamntwini uAndile Sidinile weSijuta Promotions.

“Okokuqala ndonwabe kakhulu njengokuba eyintshatsheli, kuba ebenqatyelwe ngumlo. Ngoku into elandelayo kukuba simzamele umlo ngaphandle kwelizwe loMzantsi Afrika, into endiqiniseke ngayo, kukuba kweyeKhala uzakubuyela eqongeni uNgamntwini.”

“Ingxaki nokukhangela umlo kumazwe angaphandle ibayimali. UNgamntwini useneenyanga ezintandathu zokugcina intshinga yakhe phambili kokuba afumane umceli mngeni, ngokwemithetho yamanqindi. Okwangoku makabhiyozele impumelelo yakhe usebenze nzima. Ndifuna aqale afumane umlo kwalapha eMzantsi phambi kokuba aphumele ngaphandle,” utshilo uSidinile.

UNgamntwini yimbethi manqindi ewuhloniphileyo umsebenzi wayo, kwaye usebenza nzima .

“Ngomso, ndibuyela enkomeni, ndizakuziqeqesha ngokuzimisela. Ndifuna ukufumana umlo kungekudala, kodwa umnqweno wam kukufumana intshinga yehlabathi kulo nyaka uzayo,” utshilo uNgamntwini.