Ungaphoswa lithuba lokungela kwiSPAR Women’s Challenge

Ukunyenyiswa kwemiqathango yeKhorona kwinyanga ephelileyo nguMongameli uCyril Ramaphosa kunike inkitha yabantu abakwicandelo lezemidlalo ithuba lokubuyela kwiindawo zokudlalela nezokuzilolongela. Imidyarho yeembaleki efana neSPAR Women’s Challenge yaye yamiswa – kodwa ngoku ibuyile kwakhona. Ngomhla wesine kwinyanga ezayo, kulindeleke iimbaleki ezingamanenekazi zithathe inxaxheba kwiindawo ngeendawo kusetyenziswa ubuchwephesha bale mihla. Kwenziwa oku kuba kunqandwa ukucukana kweembaleki ndawonye okunokudala ukosulelana ngeKhorona. Umququzeleli wemisitho kwaSPAR kwiphondo leMpuma Koloni, uMnu. Alan Stapleton, uvakalise uchulumanco njengokuba ukhuphiswano luza kwenzeka kwinyanga ezayo watsho esithi akumkhathazi nokuguqulwa kwendlela eqhelekileyo yokwenza izinto.

Iimbaleki eziza kuthatha inxaxheba ziza kuzithaphulela kumabhaso ancumisayo. “Ukubakho kwetumente kwizicwangciso zethu yinto esiyivuyelayo. Sonke sijonge ngamehlo abomvu umhla omkhulu,” utshilo uStapleto kwingxelo ebhaliweyo ekhutshelwe amajelo eendaba. Ziyacela iimbaleki nabantu abankcunkcayo ukuba zibhalise kwangethuba phambi komhla weshumi elinesihlanu kule nyaka – umhla wokugqibela wobhaliso. “Kuba kufuneka silungise amabhaso aza kunikwa abaphumeleleyo kwizithili ezahlukeneyo, asingeke sikwazi ukwamkela izicelo zobhaliso ngaphaya komhla weshumi elinesihlanu kule nyanga yeThupha,” utshilo uStapleton. Phakathi kwemibutho enceda uluntu eza kuzuza ngala mhla mkhulu kukho iMasimanyane ne-On Eagles Wings.

Yomibini imibutho inceda amaxhoba empathombi ngeenkonzo zoluleko lomphefumlo. Yonke imali eyakuthi iqokelelwe kwinkqubo yobhaliso iza kuthenga iimpahla eziza kunceda amantombazana aselula ngokweminyaka nabasweleyo. Ngenxa yemiqathango elawula iintshukumo zoluntu, iimbaleki ezingamanenekazi ziza kubaleki kwiindawo ezikuzo ukusukela ngentsimbi yesithandathu ekuseni ukuya ngeyesithandathu emalanga ngomhla wesine kwinyanga ezayo. “Nangona sisebenzisa indlela engaqhelekanga – kodwa sinethemba lokuba amanenekazi aza kulamkela ithuba lokuzilolonga okuhambelanga noSPAR,” utshilo uStapleton. Iinkcukacha ezithe vetshe zifumaneka ku:www.sparvirtualchallenge.co.za