UNgcongca ukhethe iMamelodi Sundowns

Umdlali weBafana Bafana, u-Anele Ngcongca, ubhengezwe njengomdlali omtsha weMamelodi Sundowns namhlanje.

IMamelodi Sundowns yenze esona sibhengezo sikhulu namhlanje ngethuba isazisa u-Anele Ngcongca njengomdlali mdlali emfumeneyo.

Ekuqaleni kwale nyanga iphela namhlanje, kwavakala iingxelo ezithi lo mdlali weqela lesizwe angabuyela eMzantsi Afrika emva kokukhululwa liqela ebekade elidlalela eBelgium kwisizini edlulileyo. 

Namhlanje uPitso Mosimane uqinise iqela lakhe nanjengoko lixakekiswe kakhulu kulo nyaka yimidlalo ye-Absa Premier Soccer League neCaf Champions League. 

UNgcongca wayebefunwa yiKaizer Chiefs ekuqaleni – kodwa iSundowns yathi gqada kuqala yamthathela kuyo.

Le ndedeba, 28, kulindeleke idlale indima ephambili kwiDowns ngenxa yamava ewafumene kumaqela ohlukeneyo phesheya kolwandle nakwiqela lesizwe.

 IDowns izakuqala iphulo layo lokukhusela indebe yePSL eyiphumelele kwisizini edlulileyo, kungekudala.