UNgcuka waseQonce uzibona esemajukujukwini ngenxa yamanqindi

Aviwe Ngukana ngowaseBhalasi, eQonce. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Intombazana yaseQonce eselula ngeminyaka izimisele ukuzenzela igama elihle elizweni lonke ngokuthi igqwese emanqindi. Nangona lo nto engasoze yenzeke lula, uAviwe Ngcukana, uthi uzimisele ukufezekisa umnqweno wakhe. Unethamsanqa uNgcukana ngoba ungene emanqindi eseneminyaka esishumi elinesine kuphela.

Lo nto yandisa amathuba wakhe okuzilungiselela kakuhle inqanaba eliphezulu aza kuvumelela ukuya kulo xa eneminyaka elishumi elinesibhozo. Le ntwazana yelali yaseBhalase ithethe neli phephandaba emva kokuphumelela umlo wayo wokuqala kwitumente ekuthiwa yiWelcome Ncitha Championships ebibanjelwe eButterworth Training College, eGcuwa, kwinyanga ephelileyo.

“Ndiziva ndonwabe kakhulu ngoba lo ibingumlo wam wesibini. Bendiqala ngqa ukuphumelela umdlalo wamanqindi,” utshilo uAviwe ongumfundi kaGrade 9, eZameka S.S.S., ngokukhulu ukuzithemba emva kwempumelelo yakhe.

Ukuphumelela kwakhe kumncedile uNgcukana ngoba kuqinise umnqweno wakhe wokuzibona eyintshatsheli ngenye imini ebomini bakhe. Uqhube kakuhle kwitumente ebekudibene kuyo iimbethimanqindi ezisakhulayo. Intwazana yaseQonce ithe izibona ikwinqanaba eliphezulu kwiminyaka ezayo ibukelwa ngabantu abaninzi.

“Ingase ndizibone sendiyimbethimanqindi ekwinqanaba eliphezulu. Ndifuna ukuvela ethivini ndaziwe ngumntu wonke. Ndizithembile, iza kwenzeka lo nto ngoba ndiyaya ejimini futhi ndizimisele kakhulu. Umqeqeshi ndiyammamela xa ethetha nam. Umntu endimthandayo nguMark Tyson.

Emva kokumbukela kwiividiyo, ndaqaphela ukuba akalifuni inqindi eliza kuye. Kumnandi ukudlala amanqindi. Into ebangela ndiwathande yindlela enika umdla edlalwa ngayo nesiwadlala ngayo nathi,” utshilo uNgcukana ngolukhulu uchulumanco kutshanje. UWelcome Ncitha uthe injongo yetumente kukuvelisa iintshatsheli zangomso.