UNgidi unikw’ inkxaso macal’ onke kwiphulo lakhe elithi “Black Lives Matter”

Lungi Ngidi of South Africa during game 2 of the 2020 Momentum One Day International Series between South Africa and Australia at Mangaung Oval on 4 March 2020 © Frikkie Kapp/BackpagePix

Umdlali
weqakamba ophambili, uLungi Ngidi, ucele oogxa bakhe kwiqela lesizwe loMzantsi
Afrika (Proteas) okokuba bakhe bathethe ngomkhankaso ochasene nobuhlanga
ekuthiwa “yiBlack Lives Matter” phambi kwemidlalo yezizwe ezayo. Izinto
eziphambili kuNgindi kukuguqa ngedolo phantsi phambi komdlalo, uphawu olubonisa
ukungahambisani nobuhlanga elizweni lonke, nokuza nendlela abantu abamnyama
abangachongwa ngayo ukuze bangene kwizikhundla ezithile kwiqakamba. Intshukumo
kaNgidi iphenjelelwe luqhankqalazo olwenziwe ngabantu base-United States of
America nehlabathi emva kokubulawa ngolunya kukaGeorge Floyd lipolisa
elimhlophe elamcinezela imizuzu esibhozo ngedolo wade wabhubha. “Ndicinga ukuba
yinto ekufanele siyinike ingqwalasela le xa sidibene singabadlali. Ewe, sikhe
sathetha ngayo kwaye bonke abadlali banolwazi – kodwa besiyithetha sithe sa.
Sililizwe sikhe sadibana nento enobuhlanga. Kufanele sithethe ngayo siliqela
futhi siyinike ingqwalasela eyifaneleyo njengamanye amazwe ehlabathi,” utshilo
uNgidi.

Ngokwenza njalo,
kuthe kanti uzinqikele ilitye elinenkume. Amadoda amhlophe awayedlalela iqela
lesizwe loMzantsi Afrika amabini, uPat Symcox noBoeta Dippenaar, bakhwele
bezehlela ngelithi kunganina engaxhasi iphulo elichasene nokubulawa kwamafama
aseMzantsi Afrika. “UNgidi makaxhase amafama aseMzantsi Afrika aphantsi
koxinizelelo. Eyona nto ebekufanele uyayenza,” utshilo uSymcox esengela phantsi
iphulo elithi “Black Lives Matter”. Yena uDippenaar uye wema ngelithi “Yonke
imiphefumlo yabantu ibalulekile”. “Ukuba ufuna inkxaso yam, ndixhase kumba
wohlaselo lwamafama,” utshilo uDippenaar. Emva kwala madoda amabini
abelichasile iphulo “likaBlack Lives Matter”, uNgidi ufumene inkxaso nkalo
zonke kuquka nombutho olawula iqakamba – iCricket South Africa (CSA). Amadoda awayedlala
iqakamba aquka uMakhaya Ntini, uVernom Philander, uAshwel Prince, uPaul Adams,
uJP Duminy, uCharl Langeveldt noHershelle Gibbs athe alixhasa ngokupheleleyo
inyathelo elithathwe nguLungi Ngidi atsho esithi akothukanga ziintetha ezenziwe
ngabadlali bakudala beProteas.

“Siyalincoma
iphulo likaLungi Ngidi lokuxhaxa iintshukumo ezihewula ubuhlanga (Black Lives
Matter). Sifuna ukuthi siyalixhasa iphulo lakhe. Nokugxekwa kukaNgidi ngenxa
yokuvakalisa uluvo lwakhe siyakubona – kodwa sinethemba lokuba iCSA nabadlali
beqakamba, abangoku nakudala, baya kuzixhasa iintshukumo ezichase ubuhlanga “iBlack
Lives Matter”. Okuthethwe ngabadlali bakudala kufanele kuphikiswe ngoba abadlali
beqakamba abamnyama bakhe bachatshazelwa kakubi bubuhlanga kwiminyaka
engaphambili,” itshilo ingxelo ekutshwe ngamagqala eqakamba. UHashim Amla namagqala
ombhoxo afana no-Ashwin Willemse, uKaya Malotana, uHilton Lobberts, uNorman Jordaan,
uThando Manana no-Andrian Jacobs bamxhase ngokupheleleyo uNgidi nephulo lakhe uBlack
Lives Matter.