UNgidi uwaqwabaze namalungu AmaNgesi emdlalweni weT20 obutak’ iintlantsi eMonti

/Proteas celebrate the fall of a wicket during the International T20 Series 2019/20 between the Proteas and England up at Buffalo Park in East London on 11 February 2020 © Deryck Foster/BackpagePix

Iqela lesizwe
leqakamba loMzantsi Afrika alifane lidlalele eMonti – kodwa inkxaso
eliyifumayo iyamangalisa. Abalandeli beqakamba, abebezalise iBuffalo Park,
bagoduke bencumile emva kokuba benikwe umdlalo osemgangatheni ophezulu
nguMzantsi Afrika obudlala neNgilane. UMzantsi Afrika ubethe iNgilane ngothinti
omnye emdlalweni obutak’ iintlantsi wosuku olunye (T20I). Abadlali ababini abaqhube
kakuhle emdlalweni wanamhlanje futhi abangasoze balityalwe ngabalandeli
beqakamba nguTemba Bavuma noLungi Ngidi. Bobabini aba badlali bakhe baphoswa
yimidlalo yeProteas ngenxa yezizathu ezahlukeneyo. UNgidi ebekhe wasokoliswa
kukonzakala okumnyanzeleyo ukuba ahlale ngaphandle kokudlala ixesha elide.
Kanti yena uBavuma kwathiwa umdlalo wakhe uphantsi kakhulu ukuba angadlalela iProteas
– kodwa kwimidlalo yosuku olunye wenze ezibukwayo. Ngoku ilizwe loMzantsi
Afrika liphokele ngemidlalo emibini komnye ophunyelelwe yiNgilane kweyosuku
olunye.

AmaNgesi
aphumelele itosi, akhetha ukunika uMzantsi Afrika ithuba lokuqhokra kuqala. UBavuma
uqhokre amashumi amane anesithathu emitsi. Yena uQuinton De Kock wenze imitsi
engamashumi amathathu ananye wakhutshwa. Amakhwenkwe oMzantsi Afrika
alidibanisile ikhulu esaqhuba kakuhle – kodwa AmaNgesi ade angena nawo egiyeni awisa
amadoda elandelelana. UMzantsi Afrika uye wenza ikhulu elinamashumi asixhenxe
anesixhenxe (177/8) uphume wonke. Lingenile iqela laseNgilane futhi laxhathisa
ixesha elide. Kodwa umdlali ongasoze alityalwe nguLungi Ngidi oyiqwabaze namalungu
iNgilane kwiibhola zokugqibela ezisixhenxe. UNgidi wenze idemesha embi kakhulu
sele impumelelo yeNgilane ivele ngeempondo ngokukhupha amadoda ayingozi afana
noTom Curran, uMoeen Ali no-Adil Rashid kwiibhola zokugqibela. INgilane, edlale
kakuhle noxa iphoxeke ekugqibeleni, iphume yonke yenze ikhulu elinamashumi
asixhenxe anesithandathu.