UNgobo uthi bafundiswe isifundo abalandeli beChiefs

Olga Olges Ngobo

Emva kokugwetywa kweKizer Chiefs ngenxa yabalandeli abenza udushe eMoses Mabhida Stadium, umlandeli wayo uxelele eli phephandaba ukuba akwaba abalandeli basifundile isifundo.

IKhosi elikhulu, uOlga “Olges” Ngobo, ukwaphalaze imbilini yakhe ngezinto ezenzeka nazilindeleyo kwiqela lakhe kule sizini eqhubayo.

Nondwe Tyilo: Leliphi iqela olilandelayo?

Olga Ngobo: YiKaizer Chiefs. Ndatsalwa kukuba bengabafana bokuthula noxolo futhi bekhaba ibhola eya phambili.

NT: Ngabaphi abadlali obathandayo?

ON: Ndibathanda bonke abadlali beKaizer Chiefs, ingakumbi uKhune, uMathoho, uBilliat noParker. UKhune ukhusela amagowuli angangeni kwiKaizer Chiefs.

NT: Ingathi liyadibana iqela likaSolinas. Xa ucinga, inoba yintoni le afike wayenza?

ON: Xa ndicinga, uSolinas ufike wanika ithuba abadlali bonke ukuze bathathe inxaxheba emidlalweni. Khange ajonge abadlali abathile, lo nto incede abadlali batsho bazazi ukuba banegalelo kwiChiefs.

NT: Unqwenelela ntoni kwiChiefs kule sizini?

ON: Ndiyinqwenelela impumelelo. Kungakuhle ukuba ingaqokelela iindebe ezishiyekileyo ezifana neTelkom, iNedbank neyePSL phambi kokugqwesa kwiConfederation Cup nakwiChampions League.

NT: Amakhosi azakudlala ngaphandle kwabalandeli, luthini uluvo lwakho ngesigwebo?

ON: Njengomlandeli osesebeni, oyaziyo imithetho nemigaqo yeKaizer Chiefs, ndiziva ndibuhlungu ngokungabikho kwabalandeli xa lidlala iqela lam. Kodwa ke ngenxa yokuba iChiefs liqela elikhulu kakhulu, kwenzeka kwabakhona abangawaziyo umgaqo-siseko wayo. Emva kokutshabalalisa izinto ebaleni, ndibona isisifundo esihle esi kubalandeli beChiefs ukuze bangaze baphinde. Ndifuna ukuthi mabazimanye namasebe akufutshane nabo ukuze bazokufunda umgaqo-siseko weKaizer Chiefs…