UNgumbela ungene tsotsololo kumdlalo wamahashe

Itumente yomdlarho wamahashe ebibanjelwe kuBhomela, eDutywaUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Usomashishini waseDutywa owaziwa kakhulu ngokunceda ulutsha kwezemidlalo, utat’uMthetheleli Ngumbela, ungene tsotsololo emahashini.

Lo somashishini, odume ngokunceda, usungule itumente yamahashe kwilali iBhomela – apho bekukhuphisana kuyo amahashe needyoki ebezisuka kwiidolophu ezahlukeneyo kwiphondo leMpuma Koloni nakwamanye amaphondo.

UNgumbela waziwa kakhulu ngegalelo lakhe elibanzi kumdlalo weqakamba kweli phondo nakuMzantsi Afrika ngokubanzi – kodwa ngenxa yehashe, * -Andazi – lelali yaseDutywa elathi lazenzela imbali phambi konyaka ophelileyo ngokutshatshela kwiBerlin November – le nkonde yaye yavakalelwa. Kungenxa yeso sizathu esabangela abone kufanelekile ukuba asungule itumente yamahashe eDutywa.

NgeCawe, abantu baseDutywa bebephume ngobuninzi beyo kuzonwabisa ngemidyarho yamahashe aphalayo naphalayo abekhuphisana. Nangona imidyarho ingagqitywanga kwimpelaveki edlulileyo – kodwa impumelelo yolwa suku imonwabise kakhulu utat’ uNgumbela kwaye uthembisile ukuba uzakwenza ngakumbi kwixesha elizayo.

“Into eyenzekayo, ndabizwa ngumasipala kukho umcimbi anawo ngenye imini. Kuthi kuloo mcimbi kuchazwe ukuba bekukho umdyarho eBerlin kwaye kwaphumelela ihashe lalapha eDutywa. Yeyona nto eyandenza ndithi xa kukho ihashe laseMbhashe elibethe onke amahashe elizwe lonke, ndathi makubekho into endiyenzela abantu apha eMbhashe. Kaloku kufuneka umane ubuyisela loo tiki unayo apha ebantwini. Yaqala njalo ke le nto. Ndithe ndakubona abantu abaninzi kangaka, ndathi kulo nyaka uzayo kufuneka ibe mibini imidyarho. Kuyabonakala ukuba abantu bayayithanda into efana nale,” utshilo uNgumbela.

Ngenxa yobuninzi bamahashe nokukhawuleza kwexesha, kuye kwanyanzeleka ukuba kumiwe ngenxa yobumnyama.