UNgwabe uyazingca ngokubaleka iComrades Marathon!

Abongile Ngwabe. Umfanekiso: Uthunyelwe

“Ndiyazingca ngento endiyenzileyo”, utshilo uAbongile Ngwabe emva kokubaleka iComrades Marathon ebiKwaZulu-Natal kutshanje. Le mbaleki yaseMthatha isancume nangoku emva kokufika entanjeni kolona gqatso olukhulu eMzanti Afrika. Umzimba ophilileyo okwaziyo ukulwa nezifo ezibangelwa kukutya ngabantu kule mihla ngowona mvuzo emntwini ojimayo. Kodwa ukugangxwa imbasa yeComrades kuluphawu lomntu oligorha nobezimisele njengembaleki. Ekuqaleni kwakhe uAbongile ukubaleka ngo-2019, ukuya kwiComrades Marathon yinto engazange yathi qatha engqondweni yakhe uNgwabe. Izinto zijike kwiCheaters Athletics Club – apho azixube nabanye abantu nafundiswe ngabo izinto ezenziwa ziimbaleki. Kukwa lapho afumene khona inkuthazo emnike isibindi sokusuka eMgungundlovu esiya eMoses Mabhida Stadium, eThekwini.

Nangomso, ndingakhetha ukuba yimbaleki,” utshilo uAbongile ethetha neli phephandaba ngembali yakhe yokubaleka. “Yinto endikhule ndiyenza ukujima. Ndigcina ngayo umzimba wam uqoqoshekile ngoba ndingumntu okhawulezayo ukutyeba xa ndingenzinto. Nangona kunjalo, zange ndicinge ukuba ngenye imini ndingaze ndibaleke iComrades Marathon. Le nto ityalwe engqondweni yam ngoogxa bam kwiCheaters abebelungiselela ukuya kwiComrades. Ngoba bendibakhapha xa bejima naxa besiya emidyarhweni, bandibonisile ukuba ndingangena nam kwiComrades. Bendingazimiselanga ukuya kuyo mna – kodwa ndiye ndavuma kuba bendiziva ukuba ndifithi,” utshilo uAbongile.

Into emnandi ngeComrades, nokuba ufikile entanjeni okanye awufikanga: ikunika amandla amangalisayo okumelana nezinto ezinzima ebomini. “Emva kweComrades Marathon, kuye kwavakala ukuba ndenze into eyoyikwayo ngabantu abaninzi. Kumnandi kum ngoba ukufika entanjeni yinto enkulu kakhulu njengembaleki. Abantu abaninzi abafiki ngenxa yezizathu ezahlukeneyo. Nam ndikhe ndawo – kodwa ndavuka ndaya phambili ndade ndayokufika,” utshilo uAbongile okwathe wonke umntu angayibaleka iComrades Marathon xa ezilungiselele kakuhle. Ngoku le mbaleki yaseMthatha isaziphulula izihlunu kodwa igxeleshe imidyarho yeembaleki emibini equka neTwo Oceans Marathon.