Ungxabalazile umqeqeshi weFree State Stars

Luc Eymael

Siphelile esinye isiqendu sePremier Soccer League, ngoku amaqela axakekile afuna abadlali nabaqeqeshi abatsha phambi kokuvulwa kwenye isizini kwezi nyanga zizayo.

Umqeqeshi waseBelgium ogama linguLuc Eymael, oncede iFree State Stars yaphumelela indebe yeNedbank emva kwamashumi amabini anesine eminyaka, ungxabalaze emva kokuvakala kweendaba ezithi kukho amaqela amfunayo phambi kwesizini entsha.

Abasemfuthweni wolwazi bathi lo kaEymael ugxeleshwe yiKaizer Chiefs njengeyona ndoda enokuthi ingene endaweni kaSteve Komphela obeke phantsi phambi kokuphela kwesizini ngenxa yodushe lwabalandeli.

ULuc Eymael uxelele iintatheli ukuba kukho iqela elimfunayo, maliyenze lo nto phambi kokuphela kwale veki. Ukuba akubanga njalo, uza kubuyela kwiFree State Stars kwakuphela ixesha leholide yakhe eBelgium.

“Ukuba iChiefs ize kum emva kwale iveki ngeke ndiye kuyo, endaweni yoko ndibuyela kwiFree State Stars. Yonke imihla iChiefs yoyanyaniswa nomqeqeshi omtsha.

Ukuba akukho nto icacayo kule mpelaveki ndibuyela kwiStars. Umphathi weFree State Stars naye uyayazi lo nto. Kule veki ndiya ekhaya eBelgium.

Ukuba kukho into entsha eyenzekayo, kufuneka yenzeke kule veki. Into endinokwazi ukuyenza kukufaka isicelo somsebenzi njengabanye abaqeqeshi. Ndonelisekile apha kwiFree State Stars kwaye iza kundinyusela umvuzo kwisizini ezayo,” utshilo uEymael.

Ukuba kunokwenzeka uLuc Eymael athathwe lelinye lamaqela akhangela abaqeqeshi abatsha, iFree State Stars iyakuba kwenkulu ingxaki ngoba kuza kunyanzeleka ukuba iqale phantsi umntu omtsha.

Amaqela anokutsalana ngaye lo mqeqeshi ngoba uthathe iFree State wayibeka phezulu, wayinika indebe kwaye iza kudlala kwiCaf Confederation Cup okokuqala kwimbali yayo.