UNgxeke noMendoza etshatshalazeni eMonti

Ifikile imini ekudala ibabazwa! Ngomso ngorhatya, uLandile Ngxeke, uza kucaca into ayiyo xa edibana etshatshalazeni nendodana yasePhillipne egama linguMichael Mendoza emlweni wentshinga engenamntu ye-IBO Junior bantamweight oza kube use’Orient Theatre, eMonti. Lo mlo onemijikelo elishumi elinanye ngowona ujongwe ngamehlo abomvu kwitumente yamanqindi ekubhiyozelwa ngayo inyanga yamalungelo oluntu eququzelelwa yinkampani yabathelekisi, iXaba Boxing Promotions.

Ingxelo ithi itumente iza kuzinyaswa zizitatanyiswa zaseburhulumenteni eziquka uMphathiswa wezemidlalo ephondweni, uNksz. uNonceba Kontsiwe, okazwelonke uZizi Kodwa, usodolophi waseBuffalo City, uNksz. Princess Faku nabanye. Urhatya lwangomso luza kuxakeka ngoba abalandeli bamanqindi baza konwabela imilo emithandathu yamadoda alungele ukuqhekezana kuphume iintshatsheli ezintsha neziza kuqaqambisa iMpuma Koloni njengeyona ndawo ephambili kwicala lokuvelisa iimbethimanqindi ezisemgangathweni ophezulu eMzantsi Afrika.

Ekuqaleni kwale veki, usomlo weBuffalo City, uMnu. Humphrey Maxhegwana, unikwe amakhwenkwe amazwi enkuthazo phambi komhla omkhulu wetumente. UMaxhegwana ucele zonke iimbethimanqindi ukuba zigcine iMpuma Koloni iyindawo ephambili kwicandelo lamanqindi. Watsho ezinqwenelela okuhle kodwa emilweni yazo ngokulinganayo. UNgxeke yintshatsheli yoMzantsi Afrika – kodwa okuhle kukuba uzuza ithuba lokulwela itayitile yehlabathi ephondweni lakhe phambi kwabalandeli bakhe.

Akusoze kube yinto elula ukulwa nembethimanqindi yasePhillipine ngoba zomelele futhi ziyakwazi ukudlala amanqindi. Phambi kokuya emlweni ngomso, uNgxeke kufuneka kufuneka azilungiselele ngeendlela zonke. Kweminye imilo: uLopez Maluleke waseGauteng uza kuvana amandla noSiyabulela walapha eMpuma Koloni emlweni weBantam weight onemijikelo emithandathu. UQhamani Mlahla walapha eMpuma Koloni uza kudibana noSandiso Booi osuka eGauteng emlweni weMini-flyweight. Kanti kwiJunior flyweight, uAthenkosi Thongwana uza kunxithana noMpumelelo Tshabalala osuka eGauteng. Yonke imilo iza kusasazwa ngqo nguSuperSport TV. Amatikiti athengiswa emnyango.