Emva kokuzuza enye intshinga, uNhlanhla Tyirha, wenze amazwi ombulelo kubo bonke abantu abamxhasileyo emlweni ogqithileyo. Kwimpelaveki egqithileyo, le mbethimanqindi yaseMdantsane izuze intshinga ye-IBF junior flyweight ebingenamntu emva kokubetha uRojas Orlie Silvestre emlweni obubanjelwe eMonti. UTyirha, 23, uzibonakalisile kwakhona ukuba uyimbethimanqindi enekamva eliqaqambileyo ngokubetha uSilvestre phantse kuyo yonke imijikelo yomlo ebilishumi elinambini. Kuye kwacaca ukuba uSilvestre yidyongo esemgangathweni ongezantsi kokaTyirha waseMdantsane. Ekuqaleni kweveki, uTyirha ubulele wonke umntu kwikhasi lonxibelelwano, uFacebook.
“Mandithathe eli thuba ndibulele imithandazo yenu endenze ndaphumelela,” utshilo uTyirha onamabhantsi amabini ngoku phantsi kwegama lakhe njengembethimanqindi yaseMzantsi Afrika. “Ndibulela kakhulu futhi kumnandi kum ngoku ngoba ndiyazazi ukuba indlela andiyihambi ndodwa. Inkxaso endiyifumana kuni yeyona endenza ndikhuthale kakhulu. Nincede ke nibaxhase ngokufanayo nabanye. Ndiyababulela abaqeqeshi bam ngoba ngabona ababone ubunzima kwimijikelo yokuqala yomlo. Yeyona nto ebangele kubekho utshintso kweminye imijikelo. Uza kuthi khebevu okwethutyana emva komlo uTyirha – kodwa uthe uza kubuyela ejimini kwiveki ezayo nakubeni kungecaci okuza kulandela.
Okwenzeke eMonti kwiveki ephelileyo akothusanga konke konke kwabo bamlandelayo uNhlanhla Tyirha. Uyimbethimanqindi ezimisele ukukhula emdlalweni wamanqindi. Lo nto ibonakala kwindlela aziphethe ngayo nakwindlela azilungiselela ngayo phambi komlo ngamnye. Phambi kokubetha uSilvestre oliFilisiti, uTyirha wayibeka yacaca into yokuba uza kulwela ukuphumelela xa eqabela eqongeni. Phantsi kwegama lakhe njengembethimanqindi ekwinqanaba elihlawulwayo, uTyirha ulwe imilo elithoba. Kuloo milo, kwemibini uwalahle phantsi amadoda engondlalelwanga. Nangona engenguye umntu okhawuleza ayiphelise imilo – kodwa indlela asebenza ngayo eqongeni iphucukile emlweni aphuma kuwo ngeCawe egqithileyo.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10