UNhlanhla Tyirha uthi ukulungele ukudibana noDomingo ngempelaveki

Nhlanhla Tyirha.

Imbethimanqindi yaseMdantsane, uNhlanhla Tyirha, ibuyela eqongeni lamanqindi ngokukhulu ukuzithemba. UTyirha, 22, ubila esoma enkampini apho alungiselela ukudibana noEsneth Domingo wasePhilipines emlweni obalulekileyo nathembisa ukubonisa abantu amanqindi asemgangathweni ophezulu. Umlo ubekelwe intsimbi yesihlanu emalanga ngoMgqibelo, ePremier Hotel, eMonti. Nakubeni uNhlanhla Tyirha egqibele ukulwa kunyaka ophelileyo – kodwa uthi ulungele nantoni na enokwenzeka emlweni. Ukutsho oku eza kokudibana noDomingo oyingxaki emlweni wehlabathi onemijikelo elihumi oququzelelwa ziinkampani zabathelekisi ezimbini, iXaba Boxing Academy neZBasy Promotions.

Kwakufuneka uNhlanhla azimisele kakhulu emdlalweni ukuze akwazi ukoyisa uDomingo ngoba akayiyo indoda ebethwa inikezele kwangoko. UDomingo, 23, uzibonakalisile ukuba uyindoda ewaziyo amanqindi emva kokuba enze iingxwelerha amadoda kwinqanaba lehlabathi. Uphulukene nomdlalo omnye kuphela kwelithoba ayilwileyo. Kanti uwaguqise phantsi asibhozo engondlalelwanga. Njengokuba uNhlanhla egqibele ukulwa kunyaka ophelileyo, yena uDomingo ubethe uJesse Espinas ekuqaleni kwalo nyaka. Kwincoko ayenze kutshanje kwisikhululo sasekuhlaleni, uNhlanhla umncome isibindi uDomingo ngokwamkela ukudlala nomntu ofana naye. Phantsi kwegama lakhe uTyirha, uwise amadoda amathandathu onke waze wabethwa komnye.

“Ndiyambulela uDomingo ngokuvuma ukulwa nam. Kuyacaca ukuba unesibindi ngoba akululanga ukudibana nomntu ohlala ejima njengam,” utshilo uTyirha. “Nawuphi na umlo ofana nalo ndiya kuwo, undibeka endaweni ephezulu njengembethimanqindi yaseMzantsi Afrika. Iimbethimanqindi zalapha ziphela zigutyungelwa ziziyobisi ngenxa yokungafumani imilo. Mna ndingumntu ozigadileyo kakhulu. UNhlanhla Tyirha uyakhula emva komdlalo ngamnye. Ndikhe andalwa iminyaka emibini – kodwa ndikwazile ukubuya ngamandla. Niza kubona uTyirha onochatha. Ndiwulungele umlo kwaye abantu ndiza kubabonisa amanqindi,” uvale ngaloo mazwi uTyirha.