UNienaber uza kusingathwa nguRassie Erasmus

Umongameli weSaru, uMark Alexander exhagwe nguRassie Erasmus nomqeqeshi omtsha waMabhokobhoko, uJacques Nienaber, ngethuba bethetha neentatheli.

UJacques Nienaber ngumqeqeshi waMabhokobhoko. Isaziso sokunyuselwa kwakhe senziwe nguMongameli weSouth African Rugby Union (Saru), uMark Alexander, exhagwe nguNienaber noRassie Erasmus obekade engumqeqeshi wethutyana ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

Abalandeli bombhoxo abothukanga ngoba igama likaNienaber ibilelona lisematheni emva kweNdebe yeHlabathi ephunyelelwe nguMzantsi Afrika ekupheleni kuka2019.

UNienaber, 47, utyikitye isivumelwano seminyaka emine. Lo nto ithetha ukuthi nguye onoxanduva lokuqinisekisa okokuba AmaBhokobhoko aya kwitumente yehlabathi elandelayo ngo2023 ekulungele ngokupheleleyo ukukhusela isithsaba sawo.

Uvumile ke kambe umqeqeshi weBoks okokuba ukungabinawo amava njengomqeqeshi oyintloko yinto eboyikisayo abanye abantu njengokuba enikwe isikhundla esiphezulu ngoku, kodwa uphendule ngelithi akasiso isidenge. Ubazi kakuhle ubungozi bento azifake kuyo.

“Iyabaxhalabisa abantu into yokungabinawo kwam amava njengomqeqeshi oyintloko. Ngeke ndithi bayaxoka kodwa andisiso isidenge futhi siyishukuxile indlela esiza kuqubisana ngayo nalo nto. Ngendandingavumanga xa wayesithi ndim uRassie ofanele ukuthatha iintambo kwiqela lesizwe lombhoxo. Ukuba ungajonga apho ndisuka khona, ndingumntu ojongana ngqo nezinto ezinzima. Bendingeke ndikwamkele ukuchongwa kwam njengomqeqeshi ukuba bendingenalo ithemba lokuphumelela. Andikwazi ukujika iingqondo zabantu abathandabuzayo, kodwa ndinethemba lokuthethelelwa ziziphumo zeqela xa lidibana neScotland kwinyanga yeKhala kulo nyaka,” utshilo uNienaber oza kuncediswa nguDeon Davids, uMzwandile Stick, uDaan Human noFelix Jones.

Isigqeba esilawula iSaru saye sagqiba kwelokuba sithathe abantu abangaphakathi kwiSpringbok ngoba umntu omtsha okanye osuka ngaphandle uye eze neendlela zakhe ezintsha ezithi zithathe ixesha elide ukuze zisebenze.

“Eyona nto ebibalulekile kuthi kukuqinisekisa okokuba sichonga umntu oza kuqhubela phambili nomsebenzi owenziwe liqela. Yilo nto esayiqwalaselayo ngethuba sichonga uRassie kwiminyaka emini egqithileyo. Ukuza nomntu omtsha nongayaziyo inkqubo yeqela uye athathe ixesha ukuqhela. Sibachongile abantu abatsha emva kweetumente zangaphambili, kokokuqala sichonga umntu oqheleneyo nendlela iqela elisebenza ngayo,” utshilo uMongameli weSaru, uAlexander.

Njengomntu omtsha, uNienaber uza kusingathwa nguRassie oza kuhlala ecaleni kwakhe emidlalweni.