Unikezele ngenxa yokugxekwa uLionel Messi

Umdlali ongurhasatsha kwibhola yehlabathi, uLionel Messi, wothuse abantu abaninzi ngethuba ebhengeza ukulahla kwakhe kwiqela lesizwe.

Le ndedeba yakwaMessi ithathe esi sigqibo emva kokuba iqela lesizwe lase-Argentina libethwe yiChile kumdlalo wamagqibela kankqoyi weCopa America esongwe ngempelaveki edlulileyo. Kubonakala ngathi uMessi akakwazanga ukunyamezela uxinizelelo olubekwe kuye ngabalandeli bebhola belizwe lakhe emva kokuba ephose ipenela.

“Mna neqela lesizwe sohlukene ngoku. Ndikwenzile konke okusemandleni am. Ukusukela oko ndathi ndadlalela i-Argentina, ndidlale kwimidlalo yamagqibela kankqoyi izihlandlo ezine, iyandikhathaza kakhulu into yokungade kubekho into siyifumanayo. Lixesha elinzima kakhulu eli kum neqela nje lilonke, kodwa ndiyayeka ngoku,” utshilo uMessi kumajelo eendaba. Njengokuba uMessi engumdlali ophambili kwihlabathi ngenxa yomsebenzi awenza kwiqela lakhe laseSpain, iBarcelona, kwiLa Liga, uninzi labantu belulindele enze umsebenzi ofanayo nakwi-Argentina, kodwa ngelishwa izinto azihambanga kakuhle.

Ilizwe lakhe [Argentina] lelinye lamazwe anembali enzulu ebholeni ngenxa yomsebenzi owenziwa ngabadlali bakudala, kodwa kule minyaka ilishumi idlulileyo izinto khange zilihambele kakuhle ela lizwe. Lo nto ibangele abantu bagxeke abadlali abafana noMessi lo ngobufede obenziwe liqela lesizwe.

Lizamile ke kambe ilizwe lase-Argentina kule minyaka mithathu ngoba kwi-2014 FIFA World Cup ijike kumagqibela kankqoyi eyabethwa kuwo yiJimani [Germany], kulo unyaka iphinde yadlala kumdlalo wokugqibela kwiCopa America.

“Kuyandicaphukisa ukuva abantu bendixelela ukuba masizimisele xa sidlala ngokungathi ayibonakali le nto siyenzayo. Kuninzi kakhulu esikwenzileyo sileli qela kule minyaka idlulileyo,” utshilo uMessi ecaphuka.