Indodana edume ngokutsiba kwihlabathi lonke, uLuvo Manyonga, uchongwe njengothe waqaqamba kumsitho wamawonga obubanjelwe eKempton Park, eGauteng, kwiveki ephelileyo.
Akuphelelanga apho ngoba uphinde wathiwa jize ngelinye iwonga elibalulekileyo lomdlali osenkcochoyini eMzantsi Afrika. UManyonga, 26, ebekhuphisana nabantu abafana noWayde van Niekerk noChad le Clos.
Le ndodana yelali yaseMhlanga, eCacadu (Lady Frere ngokwakudala) yaqala ukuzenzela igama ngokuthatha imbasa yeSilivere ngo-2016 kwimidlalo ye-Olimpiki, eBrazil.
Ubuye neGolide kwi-IAAF World Championships ebisingathwe yiLondon kulo nyaka emva kokuqwabaza imbali yangaphambi ngokuthi atsibe umgama oyi-8.48m.
“Ndiyavakalelwa kokwenzekileyo. Eli wonga lomntu ogqwesileyo kwezemidlalo lelam. Endikunqwenelayo ngoku kukugqwesa ndide ndithathe umhlala phantsi,” utshilo uManyonga.
“Le nto ibuyise iinkumbulo zangethuba endandiphumelela iGolide yam yokuqala. Kumnandi ukwazi ukuba kukho abantu endingabaziyo – kodwa abawuxabisileyo umsebenzi wam. Lo nto ithetha ukuthi ndiyaxhaswa kweli lizwe kakhulu kwaye liwonga likhulu kum elo. Kuhle ukwazi okokuba ilizwe lam liyandixhasa,” utshilo uManyonga.
UJoyce Manyonga, unina kaLuvo, akakwazanga kuzibamba luvuyo emva kokuwongwa konyana wakhe. “Sinebhongo ngomsebenzi walo mfana. Iyasivuyisa kakhulu imisebenzi kaLuvo kwaye uyinkuthazo nakubantu bale ndawo yethu. Oko xa ephumelela, ndisoloko ndicinga eza R5 zokukhwela uloliwe xa esiya eStellenbosch. Ndinelunda ngokuba ngumama kaLuvo,” utshilo umama uJoyce.
Impumelelo kaManyonga ilandela umlo wakhe onzima neziyobisi ezaphantse zamntywilisela kwizinto ezingendawo ebomini bakhe. Enye imbaleki ethe yazithaphulela kumawonga aphambili nguCaster Semenya – intshatsheli yehlabathi kwi-800m.
USemenya uzuze iwonga loyena mdlali wasetyhini othe waqaqamba ngo-2017 emva kokuvotelwa ngabalandeli bemidlalo eMzantsi Afrika.
“Kumnandi ukufumana iwonga – kodwa ke okubalulekileyo ngoku kukusebenza ngakumbi. Okubalulekileyo kukubeka ilizwe phambili, ngakumbi xa usazi ukuba abantu bayakuxhasa,” utshilo uSemenya.
SA Sports Awards Winners
Sports Star of the Year: Luvo Manyonga
Sportsman of the Year: Luvo Manyonga
Sportsman of the Year with a Disability: Dyan Buis
Sportswoman of the Year: Caster Semenya
Sportswoman with a Disability: Ilse Hayes
People’s Choice Sports Star of the Year: Caster Semenya
Team of the Year: Springbok Sevens
Newcomer of the Year: Sokwakhana Zazini
Coach of the Year: Jean Verster
Volunteer of the Year: Samuel Maduwa
Indigenous Games of the Year: North West Kho-kho team
National Federation of the Year: Lifesaving SA
Recreation Body of the Year: In-touch Community Support Group
Photographer of the Year: Simphiwe Nkwali
Journalist of the Year: OG Molefe
School Team of the Year: St Mary’s School Waverley
Developing School Team of the Year: Hlangabeza Primary School Under-13 Chess
Sports Administrator of the year: Sanelisiwe Khuzwayo
Sports Minister’s Excellence Awards:
Desiree Ellis – Banyana Banyana Soccer Coach
Ruswahl Samaai – Athletics (Long Jump)
Lloyd Harris – SA Tennis Player
Gift Ngoepe – Baseball (US Major League Baseball)
Dane van Niekerk – Proteas Women Cricket
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa