UNjabulo Blom uthi kumchulumancisile ukubuyela eNaturena kwakhona. Oku kuza emva kokuba iKaizer Chiefs ibhengeze ukubuyela kwakhe eMzantsi Afrika emva kwesithuba esingaphezulu kuncinci kunyaka edlala eMelika. Ingxelo ithi uNjabulo uza kuhlala isizini enye kwiChiefs emboleke kwiSt. Luis City FC ebingamdlalisi.
Ufike wadlala kakuhle kwiSt. Luis City kunyaka ophelileyo – kodwa ukuhamba kukaBradley Carnel kuyacaca ukuba kube nefuthe elibi ngoba akadlaliswanga kakhulu akuhamba. UBlom, 24, uqale ukudlala kwinqanaba eliphezulu ebholeni ekhatywayo kwiChiefs afundele kuyo ukudlala esemncinane wade waqala into ebhadlileyo kwiMultiChoice Diski Challenge.
Wanikwa ithuba lokudlala nguErnst Middendorp eminyakeni egqithileyo njengomdlali wasephikweni lasekunene emva. Emva koko wadlaliswa njengenjini kwiChiefs. Ukusukela ngoko zange waphinda wajonga ngasemva. Wadlala kakuhle kwiChiefs wade wabizwa nangumqeqeshi weqela lesizwe, uHugo Broos, oza kuvuyela ukubuya kwakhe.
Abaphathi beChiefs bazama ukuvusa iChiefs emva kwendlala yeminyaka elishumi. Umsebenzi abawenzayo ngoku kukukhangela abadlali abanokusebenza noNasireddine Nabi ozama ukwakha iqela aza kulwa ngalo kwiBetway Premiership eqala kwiveki ezayo.
UKaizer Motaung Jr ukwamkele ngovuyo ukubuya kukaNjabulo Blom. “Siyavuya futhi siyamamkela kwiChiefs. Amava awafumene kwiMajor Soccer League nokuyazi kwakhe indawo akuyo ngoku kuza kunceda kakhulu. Siyayazi indlela abaluleke ngayo kwindlela esidlala ngayo,” utshilo uMotaung Jr.
UBlom unomsebenzi omkhulu aza kuwenza esiswini esingazange sazinza ukusukela oko waya eMelika. “Kumnandi ukubuyela kwiChiefs. Liqela elinendawo ekhethekileyo entliziyweni yam eli,” utshilo uBlom emva kokwamkelwa eNaturena izolo. “Ndizimisele ukusebenza phantsi komqeqeshi, uNasreddine Nabi.
“Inkxaso yabalandeli yeyona nto endandiyonwabela, ndingxamele ukudlala phambi kwabo kwakhona,” uvale ngaloo mazwi uBlom okwaziyo ukudlala emva nasesiswini. Amakhosi adibana neMarumo Gallants emdlalweni wokuqala weBetway Premiership kwiveki ezayo.
UNasreddine Nabi uthi uyayazi into efunwa ngabalandeli beKaizer Chiefs!