UNjabulo Manqana ucela anyuse iikawusi amaqela aKwaZulu-Natal

UNathan Paulse noNjabulo Manqana kutshanje eMonti. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Igqala lebhola ekhatywayo, uNjabulo Manqana, licela amaqela ephondo laKwaZulu-Natal ukuba azimisele kule sizini yeBetway Premiership eqale kwiveki ephelileyo. UManqana, owayengumdlali weGolden Arrows, ukuthethe oku ngethuba etyelele eMonti kwiveki kutshanje. Amaqela waKwaZulu-Natal adlala kwiBetway Premiership mane – kodwa akukho nalinye elikwazileyo ukuvala isizini egqithileyo kwiTop 8.

Lo nto ayiliphathanga kakuhle igqala elazenzela igama kwiMTN8 ngeentsuku zalo. Abafana Bes’thende lelona qela ebelibhetele. Bavale isizini behleli kwindawo yethoba emva kokuqokelela amanqaku angamashumi amathathu anesibhozo emidlalweni engamashumi amathathu. AmaZulu oyisakele kwindawo yeshumi elinanye emva kokuqokelela amashumi amathathu anesithandathu amanqaku.

Yona iRoyal Am isinde ezembeni kwisizini egqithileyo yahlala kwindawo yeshumi elinesithathu. IRichards Bay ivale isizini ikwindawo yeshumi elinesihlanu. Idlale imidlalo yokuxabangela (Play-Offs) ukuze igcine indawo yayo kwiBetway Premiership. “Ndiye ndaphatheka kakubi xa kungekho nalinye elikwazileyo ukungena kwiTop 8. Ndicela kakhulu azimisele kule sizini,” utshilo uManqana ongunozakuzaku weMTN8.

Uthe into ethande ukuqheleka kukuba amaqela aKwaZulu-Natal kukuqala kakuhle – kodwa xa kuvalwa isizini abe esilwela ukuphepha izembe. Kule sizini entsha, AmaZulu aqale kakubi emva kokubethwa yiPolokwane City ngo’2-1 emdlalweni obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium kwimpelaveki egqithileyo. Kanti yona iRoyal Am idlale ntanganye neCape Town City ngegowuli elinye macala emdlalweni obutaka iintlantsi eHarry Gwala Stadium.

Iphumelele yona iRichards Bay ngegowuli elinye ibetha iTS Galaxy. Abalandeli bayo iRichards Bay bahleli ethembeni lokuba uBrandon Truter uza kulibeka endaweni ebhetele iqela emva kokusokola kwisizini ephelileyo. Ngethamsanqa, ifumene inkxasomali yeR20-million. Yona iGolden Arrows iseza kudlala umdlalo wayo wokuqala kule sizini entsha.