Njengokuba kuqala imidlalo yeBetway Premiership namhlanje emalanga, abantu abaninzi bayazibuza ukuba leliphi na iqela eliza kuthwala isithsaba xa kuvalwa isizini. Wonke umntu uyazi ukuba iMamelodi Sundowns yeyona inethuba elicacileyo lokuphumelela kwakhona ngoba kugqugqise yona kule minyaka esixhenxe egqithileyo.
Ngaphezulu koko, iSundowns inabadlali abasemgangathweni ophezulu futhi abadlala kakuhle kakhulu. Nakubeni kunjalo, owayedlalela iGolden Arrows, uNjabulo Manqana, uthi iKaizer Chiefs ijongwe ngoba ikhona into eyiphekayo phambi kokuqala isizini.
Amakhosi aqala isizini yawo namhlanje ephantsi koxinizelelo ngoba aneminyaka elishumi agqibela ukuphakamisa indebe. Yinqwaba yabaqeqeshi eqeshiweyo eminyakeni edlulileyo – kodwa abenzanga mahluko.
Amakhosi ayokukulanda uNareddine Nabi odume ngokuthatha iindebe kumazwe asemantla ezwekazi le’Afrika ukuze awancede. UManqana ucinga ukuba ikhona into eyahlukileyo eza kwenziwa yiChiefs kule sizini ngenxa yomqeqeshi omtsha nabadlali ebathengileyo abaquka uGaston Sirino noNjabulo Blom obekade edlalela iqela laseMelika.
“Siyibonile iSundowns ithatha indebe amatyeli elandelelana – kodwa akhona amaqela azimiseleyo afana neStellenbosch. Into endifuna ukuyitsho ebantwini yile: bangayilibali iChiefs ngoba inomqeqeshi omtsha futhi ikhona into eyiphekayo phaya,” utshilo uManqana encokola nentatheli yeli phephandaba eMonti.
“Nakubeni ebike yabethwa kweminye imidlalo – kodwa emidlalweni yokucweya yakutshanje ibithembisa. Liqela elikhulu iChiefs namanye amaqela ayafuna ukuzibonakalisa ngoba kukho imali eninzi ngoku. Onke amaqela afuna ukufumana ekupheleni kwesizini,” utshilo uManqana.
Namhlanje iChiefs iza kudibana neMarumo Gallants emdlalweni weBetway Premiership oza kube ungentsimbi yesihlanu emalanga eBloemfontein Stadium. Amatikiti omdlalo athengiswe aphela izolo ngoba abantu abaninzi bafuna ukubona into eza kwenziwa yiChiefs phantsi komqeqeshi wayo omtsha.
Kunyanzelekile iphumelele iChiefs ukuze bakhuthazeke abalandeli bayo abangonwabanga. Nakwelinye icala, kunyanzelekile iqhube kakuhle iMarumo eqalayo ukudlalela eBloemfontein emva kokufuduka eLimpopo kwiinyanga ezidlulileyo. Emidlalo imidlalo: iRoyal Am idibana neCape Town City ngo-15:00, iPolokwane City yamkela AmaZulu ebusuku eMokaba Stadium.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10