ISuperSport United inyukele kwindawo yesixhenxe kumaqela ePremier Soccer League, emva kokubetha iPlatinum Stars ngamagowuli amabini eqandeni.
Amatsatsantsa a Pitori ebewulawula kakhulu umdlalo kwisiqingatha sokuqala, kwaye ebekwazi ukuyigcina ibhola.
Umdlali weSuperSport uMario Booysen ufake igowuli lokuqala laMatsatsantsa emva kwebhola esuke kwiphiko lasekhohlo.
Emva koko ifolosi uKingston Nkhatha, ufake igowuli lesibini leSuperSport.
IPlatinum Stars khange idlale kakuhle kwisiqingatha sokuqala kwaye khange babonakalise ukuwulambela kakhulu lo mdlalo.
Kwisiqingatha sesibini, iStars ibibonakala kwaye umahluko uziswe kukungena kwefolosi uEleazer Rodgers.
ISuperSport nayo ibibonakalisa ukuba isafuna elinye igowuli, uNkhatha uyeke ithuba lokuba afake igowuli lesibini wohlulakala ukufaka ibhola kumnatha ovulekileyo. Komnye umdlalo wePSL, iBloemfontein Celtic ibambene ngenyaku elinye macala ne-University of Pretoria.
ISupersport iphumelele umdlalo wesithoba wePSL izolo, kwaye le mpumelelo ingambeka kwindawo yesixhenxe kuluhlu lamaqela e-PSL.
Umqeqeshi weSuperSport uStuart Baxter wanelisekile ngamanqaku amathathu afunyenwe liqela lakhe kumdlalo wayizolo. “Sidlale ngamathuba amaninzi kulo mdlalo, kodwa ke ndicinga ukuba wonke umntu wanelisekile ngamanqaku esiwafumeneyo,” utshilo uBaxter.
Umdlalo olandelayo weSuperSport izakudlala neBidvest Wits eLucas Moripe, ngoLwesibini weveki ezayo.
UVilakazi usola usompempe ngokuphuma kwaMaZulu kwiNedbank Cup