UNkomonye ufuna ukuphucula oomama abasokolayo kwezemidlalo

UFezeka Nkomonye ngumphathiswa weZemidlalo kwiphondo leMpumakoloni.

Nangona uMzantsi Afrika uneminyaka esukela amashumi amathathu eminyaka wakhululekayo – kodwa oomama abakakhululeki. Bakhona phantse kuyo yonke imidlalo – kodwa into esachaseleyo kubo yinkxaso, ingakumbi eyezezimali enokwenza ubomi babo bube bhetele. UMphathiswa weZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni, uNksz. Fezeka Nkomonye, uzimisele ukuhamba uhambo olude futhi olunzima ngethemba lokuba ekugqibeleni, oomama baya kufumana uncedo kwezemidlalo ngokufanayo namadoda. Ngomhla we-28 kweyeThupha, uNkomonye uza kubaleka umgama ongamashumi amane eekhilomitha osuka kwindawo ekuthiwa kuseCobongo kwidolophi yaseCumakala ayokuqhina eBeacon Bay Country Club, eMonti.

“Ndigqiba iminyaka engamashumi amane – kodwa ndithe mandingenzi itheko. Ndinoxanduva lokuqinisekisa ukuba ezemidlalo ziyaphuhla. Yiyo lo nto ndithe xa ndigqiba amashumi amane eminyaka, mandibenegalelo endilenzayo ukuze kuphucuke indlela abantu abangoomama abaphatheka ngayo kwezemidlalo,” utshilo uNkomonye. UMphathiswa uncwase ukuqokelela imali ngokubaleka kwakhe ukuze ancedise amaqela wamanenekazi ebhola ekhatywayo ngezinto zokudlala, umnyazi nakweminye imidlalo. “Ukubambisana koluntu namashishini azimeleyo kubalulekile ngoba kuyakwazi ukwenza umakulinganwe phakathi kwamadoda namanenekazi kwezemidlalo. Njengokuba oomama bengaxhaswa emidlalweni yabo ngezimali, sithi ebantwini mabaphathwe ngendlela efanayo oomama namadoda.

“Into ephambili kum kukuqokelela izinto zokudlala zamantombazana ezifana neempahla zokudlala. Kodwa ndingavuya ukuba singakha amabala okudlalela imidlalo efana neyomnyazi kwizithili ezisibhozo apha eMpuma Koloni. Wonke umntu makaphose loo nto anayo. Siyabacela abantu balixhase eli phulo kuba singurhulumente asikwazi ukwenza yonke into. Abantwana bethu bangayisusa ikati eziko xa bezibandakanye kwezemidlalo. Kuyafuneka sibaxhase oomame ngohlobo olufanayo nabafana. Siyabacela abantu noosomashishini ukuba bafake isandla,” utshilo uMphathiswa. Umntu ofuna ukufaka inkxaso, angayenza lo nto apha: https://iam4women.org.za/