UNkomonye uqhwabela izandla iWSU engcwabe iDUT Rhinos!

Emdlalweni wokuvula isizini yeVarsity Shield, iWalter Sisulu University (All Blacks) ibethe iDUT Rhinos. Umfanekiso: Uthunyelwe

Ibhale iincwadi zembali yombhoxo ngokutsha iWalter Sisulu University (WSU) ngethuba ibethela oogqirha nezicaka iDUT Rhinos ngo’136-11 emdlalweni weVarsity Shield ekuqaleni kwale veki. Lo ibingumdlalo wokuqala wamaqela omabini kule sizini intsha yeVarsity Shield.

Nangona iWSU ibidibene needyongo ezingakayiqheli imidlalo yeVarsity Shield – kodwa iyicacise gca into enokulindelwa kuyo kule sizini. Naphambi kokufika kweKhorona, iWSU yayiqhuba kakuhle kakhulu. Yaphazanyisa yiMadibaz ezinze eGqeberha nedlala kwinqanaba elingasentla iVarsity Cup.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla yabe iWSU ihamba phambili ngo’62-8 emva kokulala emgcani izihlandlo ezingamashumi amabini anesibini. Kwisigaba sesibini, iWSU ibuye ngamandla yayingcwaba ngo’136-11 iDUT Rhinos. Phakathi kwabadlali abaze neetrayi zeWSU baquka uHloomla Payi, uSiphosihle Magawu, uNande Lucas, uEric Mcaphukane, uThembani Kori, uLuyolo Nkwanca, uSoyama Mini, uSekho Marubelela, uEsethu Zenani, uScelo Tole, uMbulelo Totose noLithemba Ngcetane. UMphathiswa weZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni, uFezeka Nkomonye, uyiqhwabele izandla iWSU.

“Siyavuyisana ne-All Blacks. Indlela edlale ngayo iWSU ihambelana noluvo lwethu oluthi eli phondo lihamba phambi embhoxweni. Siyaziqhenya ngabadlali kwaye inguqu embhoxweni iza kuza nabadlali,” utshilo uNkomnye. Amanye amaqela wephondo leMpuma Koloni ayiqale kakubi isizini entsha. Iphume eLoftus Stadium intywizisa iFort Hare ebethwe ngo’36-20 yiCape Peninsula University of Technology.

Kanti yona yona iFNB Rhodes ivuthululwe yiFNB UKZN ngo’61-15 emdlalweni wokuqala. Izinto aziyihambeli kakuhle konke iMadibaz kwiVarsity Cup. Emidlalweni emithathu kule sizini, ibethwe kuyo yonke. Kulindeleke iMadibaz izame ukubuyisa isidima sayo emdlalweni ozayo xa idibana neFNB UJ ngoLwesine kwiveki ezayo.