UNkosi Nonkonyana utyhala ngesifuba kugqatso lweSafa!

uNkosi Mwelo Nonkonyana

Unkosi Mwelo Nonkonyana ngomnye wabantu abagacele ukuzigqatsela isikhundla sokongamela iSafa.

Nangona kusithiwa akamelanga kulungenela ugqatso olu, iNkosi yaMabhala izimisele ukukhuphisana ngqo noDanny Jordaan oncwase ukonyulwa kwakhona xa lo mbutho usiya kwinkomfa yolonyulo lweenkokeli ezintsha ngenyanga yoKwindla.

Kuthe kwakuvakala iindaba ezithi uNonkonyana usiphakamisile isandla, kuvakele iingxelo ezithi iSafa ikhuphe isaziso esithi akanalo ilungelo lokungenela unyulo ngoba ukweleta umbutho imali futhi zange wabuyiselwa emva kokugxothwa kwiminyaka embalwa edlulileyo.

UNkosi Nonkonyana, 61, wagxothwa yiSafa ngenxa yokutyityimbisela umnwe uGordon Igesund (owayeqeqesha aBafana Bafana) ngelithi ufanelwe kukugxothwa ukuba iqela lesizwe alifikeleli kumdlalo wokugqibela weChan ngo-2013.

Ezinye iindaba ezivakeleyo zithe noLucas Radebe, onomdla kwesi sikhundla, akanalo ilungelo lokungenela unyulo ngoba umthetho weSafa uthi kufuneka umntu ongenela unyulo abe uyinxalenye yesigqeba esilawulayo iminyaka emihlanu nangaphezulu.

UZanemvula (isikhahlelo sikaNonkonyana) uzimisele ukutyhala ngesifuba ngoba into ethethwa yiSafa uyibona njengeqhinga lokuxhaya wonke umntu ofuna ukukhuphisana noJordaan.

Uyibethelele into ethi yena akazoyiki izigrogriso ezenziwa liqela elithile ngaphakathi kwiSafa.

“Ndiva kusithiwa ndikweleta iSafa imali, kanti ngabo abakweleta mna imali,” utshilo uNonkonyana kwiintatheli.

“Abantu mabazibuze ukuba kungani na bengayibizi lo mali apha kum? Liqhinga nje eli lokuthintela abantu bangakhuphisani noJordaan. Ngokufanayo nakuLucas Radebe kuthiwa akavumelekanga. Kucacile ukuba akufunwa inguqu. Yivani apha; inguqu iyeza kwiSafa,” utshilo uNonkonyana.

UNkosi uNonkonyana uyinkokeli yombutho weeNkosi – kodwa ukhe wanguye usekela mongameli weSafa izihlandlo ezibini, wakhe wakhokela nekomiti eyayiququzelela iChan. Zezinye zezinto ezimenza abone efanelekile ukuba angawukhokela umbutho olawula ibhola eMzantsi Afrika.

“Ndiyakholwa ukuba ndikulungele ukukhokela iinguqu kwiSafa ngenxa yamandla endinawo. Ndisabela ikhwelo elifuna inguqu. Ngethamsanqa sendidibene noogxa bam abazimiseleyo ukusebenzisana nam kwiinzame zokubuyisela isidima kwiBafana Bafana nakwamanye amaqela esizwe. Umbutho olawula ibhola kufuneka uqubisane ngqo norhwaphilizo nezinye izinto ezigwenxa,” utshilo uNonkonyana.