Nangona kubonakala ngathi uthande ukubonakala ukuba ubheka ngaphi kwiDStv Premiership, yena uNkosingiphile “Mshini”” Ngcobo uthi Amakhosi asenalo ithemba lokufumana iMamelodi Sundowns ebhuqa kwa nto ephambi kwaye. IKaizer Chiefs inomsebenzi onzima kakhulu wokuvala umsantsa wamanqaku alishumi elinesithandathu ukuze ifumane iSundowns eziintshatsheli ezikhuselayo. Onke amaqela asathathe ikhefu lenyanga ngenxa ye-Africa Cup of Nations esingathwe lilizwe laseCameroon. UNgcobo ufumene iwonga lelona gowuli elihle emva kokuba livotelwe ngabalandeli. “
Sizimisele ukudlala kakuhle kwaye sifuna ukuphumelela umdlalo ngamnye esiwudlalayo. Into ebangela sifune lo nto kukuba sifuna ukusondela phaya kwiSundowns,” utshilo uNgcobo, ofumene ithuba wazibonakalisa ngokubhakuzelisa umnatha emva kokungadlaliswa nguStuart Baxter. Kwisizini egqithileyo, uNgcobo ebengomnye wabadlali abaphambili kwiChiefs. “Sizimisele ukuthatha apho siyeke khona kunyaka ophelileyo ukuze sisondele kwiqela elikwindawo yokuqala. Lo nto ifuna sisebenze ngokukhulu ukuzimisela,” utshilo uMshini ogqwese ngegowuli alifake kunyaka ophelileyo iChiefs idlala neMaritzburg United.
“Ndagqibezela nje ibhola ngokuya ndandifaka ela gowuli. Yalisebenzela iqela lo nto. Ndicinga ukuba igowuli lalilihle – kodwa sayenza lo nto siliqela,” utshilo uNgcobo ozuze imbasa ekhatshwa ngamawaka erandi asixhenxe (R7,000). “Ndicinga ukuba sivale unyanga ngendlela emangalisayo ngoba besizimisele futhi sibambisene. Sifuna ukuyigcina indlela esidlale ngayo nakulo unyaka,” utshilo uNgcobo emva kokwamkela iwonga lakhe. Amakhosi asaqokelele amashumi amabini anesibhozo amanqaku emidlalwni elishumi elinesithandathu. Aza kuvula unyaka ngokudlala neCape Town City ngomhla weshumi elinantlanu kwinyanga ezayo eKapa.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo