UNkululo Mkhuzo waseFlagstaff wafumana ubomi ekubalekeni

UNkululo Mkhuzo yimbaleki yeBuffalo City Athletics Club. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Imbaleki yemigama emide, uNkululo Mkhuzo, ibiphakathi kweziliqela ezithe zathatha inxaxheba kwiComrades Marathon yalo nyaka kwiphondo laKwaZulu-Natal. Nakubeni ebengaqali ukubaleka kolona gqatso lweembaleki olukhulu eMzantsi Afrika – kodwa ukonwabele nakubeni bekunzima ukunyuka indlela esuke eThekwini yayo kuqhina eMgungundlovu.

Le ndedeba yaseFlagstaff ezinze eMonti apho isebenzela khona iBuffalo City Metro ibalisele I’solezwe lesiXhosa ngendlela eqhube ngayo kwiComrades Marathon.

“Bekunzima kakhulu ngoba bekunyukwa iqhina. Eminyakeni emibini egqithileyo ndibaleke kusehliwa,” utshilo uMkhuzo emva kwetheko ebeliququzelelwe ngumasipala eBuffalo Cricket Stadium apho bekuvuyiswana neembaleki zonke ezikwazileyo ukubaleka zade zayigqiba iComrades Marathon.

Nakubeni abantu abaninzi bebuye bekhala ngobunzima obuqhelekileyo – kodwa khange kufane kuMkhuzo ngoba ebezilungiselele kakuhle. Phambi kokujongisa umbombo KwaZulu-Natal, okaMkhuzo ubaleke imidyarho yeembaleki eliqela emncedileyo.

“Amalungiselelo wam ahambe kakuhle ngoba indawo ebendiyifuna ndikwazile ukuyifumana kwiComrades. Kuye kwanzima kakhulu kodwa xa ndiphakathini. Okundivuyisileyo kukuba ndikwazile ukubaleka iiyure ezilithoba. Yiyo lo nto ndinale mbasa ijinga emqaleni kum.

“Ndizimisele ukubuyela kwiComrades kunyaka ozayo ndenze into endiyenze kulo nyaka. Andingxamelanga mbasa yesiliva ke mna. Sendiqalile ukulungiselela ngokubaleka imidyarho yeembaleki apha eMonti. Ndiyakonwabela kakhulu ukuba yimbaleki,” utshilo uMkhuzo.

“Kumnandi ukuba yimbaleki ngoba akunisizini. Ndandidlala ibhola ekhatywayo ngaphambili – kodwa baguquka ubomi bam ndakuba yimbaleki. Yinto endiyithandayo kakhulu ngoku. Ukubaleka kumnandi ngoba kugcina ingqondo yomntu iphangalele.

“Into emnandi apha kweli candelo lokubaleka, kukuba ubaleka ude uyofa. Ukuba uyakwazi ukuvuka uyokujima, ulugqibe ugqatso – kulungile,” utshilo ebobotheka luncumo uMkhuzo obalekela iqela leembaleki ekuthiwa yiBuffalo City Athletics Club.