UNkwe umthembile uKapteni wakhe obambe indawo kaFaf du Plessis!

Cricket South Africa's Interim Team Director Enoch Nkwe during a Press briefing at Cricket South Africa Head office, Johannesburg, on 15 August, 2019 Christiaan Kotze/BackpagePix

Iqela lesizwe
loMzantsi Afrika kwiqakamba liqala isiqalo esitsha emva kokubuya umisila uphakathi
kwemilenze ngenxa yokugqwidiza kwaalo kwiNdebe yeHlabathi kwiinyanga
ezidlulileyo kulo nyaka eNgilane. Umbutho olawula iqakamba, iCricket South
Africa, unike uEnoch Nkwe uxanduva lokukhole iProteas emva kokuba ugqibe
kwelokuba umkhulule u-Ottis Gibson obekade engumqeqeshi kwintlanganiso
ebibanjwe kwinyanga engaphaya kwephelileyo. Njengokuba uMzantsi Afrika uza kudlala
imidlalo yamazwe ngamazwe nelizwe lase-India, uza kukhokelwa nguQuinton de Kock
onguKapteni wethutyana kuba engekho uFaf du Plessis. Iinkokeli zikaCricket South Africa
zinyuka zisehla zikhangela umqeqeshi omtsha ekulindeleke aqinisekise okokuba
uMzantsi Afrika ubuyela kwindawo yawo kwiqakamba yehlabathi. Kodwa ngoku abadlali
beProteas kufuneka baziqhelanise nendlela asebenza ngayo uDe Kock okomzuzwana.

Ukuqhuba kakuhle
kweProteas kutyelelo lwase-India kungamfunqula uNkwe njengomqeqeshi obonwa
njengonekamva eliqaqambileyo kwiqakamba. Njengokuba engekho uDu Plessis – kodwa
uNkwe uvakalise ukumthemba ngokupheleleyo uDe Kock oza kukhokela ebaleni. “Yinkokeli
echubekileyo kakhulu uDe Kock. Niyamazi ukuba uyidlalile kakhulu iqakamba
kwilizwe lase-India. Siyamazi uFaf ngukapteni weqela lesizwe owenze umsebenzi
omhle kwiqela lesizwe. Kwangaxeshanye, kodwa sidinga iinkokeli ezingamahlumela.
Simthembile uQuinton kwaye sicinga ukuba sinalo ithuba lokuphumelela imidlalo
ngeqela labadlali esinalo apha,” utshilo uNkwe ethetha neentatheli
kwelase-India. Uza kunyuka umnqantsa uMzantsi Afrika ngoba abanye abadlali
abadala nabanamava kwimidlalo yehlabathi bathathe umhlalaphantsi emva kweNdebe
yeHlabathi.