UNolusindiso Booi usithembe kakhulu iSpringbok Women sakhe

Nolusindiso Booi emdlalweni weSpringbok Women neFrance. Mandatory Credit: Photo by Damien Kilani/Shutterstock/BackpagePix

Iqela lesizwe lamanenekazi adlala umbhoxo lintingele eJapan ebutsheni bale veki apho liza kuzinza khona okwethutyana njengokuba lilungiselela imidlalo ebalulekileyo. Amanenekazi aseMzantsi Afrika aza kudibana neJapana emidlalweni emibini yovavanyo. Le midlalo yinxalenye yamalungiselelo yeSpringbok Women endleleni eya kwitumente yehlabathi ekuthambekeni konyaka. Umdlalo wokuqala uza kudlalelwa e-Iwate ngeCawe. Olandelayo uza kubanjelwa eSaitama ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga yeKhala. Ayizodyongo ke iJapan ebholeni yombhoxo. Ukuze uMzantsi Afrika ufumane impumelelo, kwakufuneka abadlali bazimisele kakhulu.

“Iingxaki esiza kujamelana nazo sizazi kakuhle – kodwa imidlalo le izayo ngamalungiselelo wethu wetumente yehlabathi. Abadlali baza kuxikixwa luhambo olude namalungiselelo akwinqanaba eliphezulu weyona tumente inkulu,” utshilo umqeqeshi weSpringbok Women, uStanley Raubenheimer. “Lutyelelo oluyimbali olu kuthi ngoba zange sayityelela iJapan futhi zange sadlala nayo ngaphambili. Kuya kuba kuhle kuthi ukwenza imbali nelizwe eliziqhenyayo njengeJapan. Siyakwazi okulindelekileyo kuyo – kodwa nathi siqhuba kakuhle,” utshilo uRaubenheimer phambi kokufulathela uMzantsi Afrika.

Yena uKapteni weqela, uNolusindiso Booi, ubalule ukumanyana kwabadlali njengesona sixhobo seqela. Le ntokazi yaseMpuma Koloni ikhokela iqela lesizwe njengokuba kusondela itumente yehlabathi. “Simanyene futhi yonke into siyenza ngemvano,” utshilo uBooi. “Into ekufuneka siyenzile kukunyusa umxakatho xa sijongene nobunzima. Sinabadlali basemva abanesakhono sokubeka ibhola emgceni. Kodwa ukuze bakwazi ukuyenza lo nto, kufuneka kubekho abadlali abadala amathuba okufumana amanqaku. Singabantu abakuxabisileyo ukuwucwangcisa umsebenzi wethu. Ukuba senze izinto zethu kakuhle, izinto zingasihambela kakuhle,” utshilo uBooi.