UNomeva obuye ngamandla uncoma uChief Njekanye!

UXolisani “Nomeva” Ndongeni ubethe imbethimanqindi yaseMalawi kwiveki ephelileyo eMpumalanga. Umfanekiso: Facebook.

Sibuyile idima sikaXolisani “Nomeva” Ndongeni. Oku kwenzeke emva kokuba engombe uByson Gwayani waseMalawi emlweni wetumente ebiququzelelwe yiTLB Boxing Promotions kwiveki ephelileyo eSecunda kwiphondo laseMpumalanga. UNomeva, owayefudula eyintshatsheli yeWBF ne-IBO, uncome kakhulu umqeqeshi wakhe uMnu. uMzamo “Chief” Njekanye emva kokoyisa uGwayan kumjikelo wethoba. Konke oku kwenzeke emva kwexesha elide ukusukela mhla uNomeva wangqengqiswa nguSibusiso Dlomo ngo-2020. “Ubuyile uChief. Bekufanele ndiphumelele ukuze ndimbonise ukuba andifanga,” utshilo uNomeva emva komlo eMpumalanga.

“Bendisilwela uChief; ndifuna andithembe kwakhona. UNomva uphumelele kwakhona kwaye usendaweni ebhetele ngoku. Kuyandivuyisa kakhulu ukuphumelela,” utshilo uNomeva. Ukuphumelela yinto ebalulekileyo kuNomeva owayenembali entle kakhulu phambi kokubethwa kwakhe nguDlomo emlweni owadyobha igama lakhe kakubi. Phambi kokudibana noGwayani emlwemi obungempelaveki egqithileyo, uNomeva uthe uza kuphumelela nangona engenalo ulwazi ngaye. Nangani ebebonakalisa ukuzithemba njengembethimanqindi ekwinqanaba eliphezulu – kodwa wayefuna ukubonisa abalandeli mabanqindi ukuba uNomeva usenawo amandla.

“Ebengeke awuphumelele umlo. Ebehleli esazi uGwayani ukuba uza koyiswa ndim. Ndiyakuvuyela ukubuyela kuChief. Ukuzithemba kubuyile kum,” itshilo indedeba yakwaBhaca. Umququzeleli wetumene, uNksz. uJoyce Kungwane, wonelisekile kokwenzekileyo nangona ephoxwe kukurhoxa kweembethimanqindi ezifana noHekkie Budler noNoxolo Makhanavu – ophoswe lithuba lokuvuselela isakhono sakhe emva kwexesha elide engayifumani imilo. “Ndonwabile nangona siphoxwe kukungabikho kukaHekkie ngenxa yengxaki yobunzima bakhe. Indlela alwe ngayo uNomeva isinike ngqo into ebesiyifuna. Abantu baseMpumalanga bayonwabele imilo kwaye siza kubuya kwakhona,” utshilo uKungwane.